1
KWABASEKORINTE II 4:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.
Compare
Explore KWABASEKORINTE II 4:18
2
KWABASEKORINTE II 4:16-17
Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo.
Explore KWABASEKORINTE II 4:16-17
3
KWABASEKORINTE II 4:8-9
Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, singancami; Sitshutshiswa, asiyekelwa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa
Explore KWABASEKORINTE II 4:8-9
4
KWABASEKORINTE II 4:7
Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi.
Explore KWABASEKORINTE II 4:7
5
KWABASEKORINTE II 4:4
athe uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.
Explore KWABASEKORINTE II 4:4
6
KWABASEKORINTE II 4:6
Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu.
Explore KWABASEKORINTE II 4:6
Home
Bible
Plans
Videos