1
UISAYA 26:3
IZIBHALO EZINGCWELE
Intliziyo ezimasekileyo ùyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.
Compare
Explore UISAYA 26:3
2
UISAYA 26:4
Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade.
Explore UISAYA 26:4
3
UISAYA 26:9
Nangomphefumlo wam ndakúnqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakúfuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
Explore UISAYA 26:9
4
UISAYA 26:12
Yehova, ùya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele.
Explore UISAYA 26:12
5
UISAYA 26:8
Kakade, Yehova, sìbe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni.
Explore UISAYA 26:8
6
UISAYA 26:7
Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane.
Explore UISAYA 26:7
7
UISAYA 26:5
Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini.
Explore UISAYA 26:5
8
UISAYA 26:2
Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka.
Explore UISAYA 26:2
Home
Bible
Plans
Videos