1
1 KAPETROS 2:9
IBHAYIBHILE
Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
Compare
Explore 1 KAPETROS 2:9
2
1 KAPETROS 2:24-25
Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe. Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.
Explore 1 KAPETROS 2:24-25
3
1 KAPETROS 2:10
Ngoku nilusapho lukaThixo, nangona nanikade ningelulo; benikade nikude nenceba yakhe, kodwa ngoku niyifumene.
Explore 1 KAPETROS 2:10
4
1 KAPETROS 2:2
Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
Explore 1 KAPETROS 2:2
5
1 KAPETROS 2:11-12
Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu. Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.
Explore 1 KAPETROS 2:11-12
6
1 KAPETROS 2:5
Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.
Explore 1 KAPETROS 2:5
7
1 KAPETROS 2:1
Ngoko ke yahlukanani nazo zonke ezi zinto: uchuku, inkohliso, ukuzenzisa, nomona, nako konke ukuphixanisa!
Explore 1 KAPETROS 2:1
8
1 KAPETROS 2:4
Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.
Explore 1 KAPETROS 2:4
9
1 KAPETROS 2:16
Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
Explore 1 KAPETROS 2:16
10
1 KAPETROS 2:15
Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa.
Explore 1 KAPETROS 2:15
Home
Bible
Plans
Videos