Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
Ezi zafobe ziluncedo:
umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,
abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.
Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,
abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.
Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,
nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.