1
ISITYHILELO 2:4
IBHAYIBHILE
Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni.
Compare
Explore ISITYHILELO 2:4
2
ISITYHILELO 2:5
Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso.
Explore ISITYHILELO 2:5
3
ISITYHILELO 2:10
Nize ningayoyiki intshutshiso ezayo. Abanye benu umtyholi uza kubaphosa entolongweni, enivavanya. Nophatheka nzima iintsuku ezilishumi. Nize ninyaniseke kude kuse ekufeni. Ndonithwesa imbasa yobomi.
Explore ISITYHILELO 2:10
4
ISITYHILELO 2:7
“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni! “ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”
Explore ISITYHILELO 2:7
5
ISITYHILELO 2:2
Ndiyayazi indlela obusebenza ngayo ubulaleka, unenyameko. Ndiyazi ukuba akubanyamezeli abantu abakhohlakeleyo. Ubavavanyile abo babesithi *bangabathunywa bengengabo, wabafumanisa bengamaxoki.
Explore ISITYHILELO 2:2
6
ISITYHILELO 2:3
Ubunzima ubuthwele ngenyameko ngenxa yam, akoyiswa.
Explore ISITYHILELO 2:3
7
ISITYHILELO 2:17
“ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni! “ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”
Explore ISITYHILELO 2:17
Home
Bible
Plans
Videos