1
KWABASEROMA 15:13
IBHAYIBHILE
Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
Compare
Explore KWABASEROMA 15:13
2
KWABASEROMA 15:4
Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.
Explore KWABASEROMA 15:4
3
KWABASEROMA 15:5-6
Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu, ukuze nithi, ngamxhelo mnye, nimdumise ngazwi-nye uThixo, uYise weNkosi uYesu Krestu.
Explore KWABASEROMA 15:5-6
4
KWABASEROMA 15:7
Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
Explore KWABASEROMA 15:7
5
KWABASEROMA 15:2
koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.
Explore KWABASEROMA 15:2
Home
Bible
Plans
Videos