1
KWABASEROMA 3:23-24
IBHAYIBHILE
Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.
Compare
Explore KWABASEROMA 3:23-24
2
KWABASEROMA 3:22
Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.
Explore KWABASEROMA 3:22
3
KWABASEROMA 3:25-26
UThixo wammisela uYesu ukuba abe lidini lokungxengxezela izono zabakholwayo. Ukufa kwakhe yindlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu. Kumaxesha adlulileyo uThixo wazibamba akabagweba aboni; kodwa ke namhlanje akasayenzi loo nto – ngoku walatha indlela abenza ngayo amalungisa. Ngale ndlela ke uThixo utyhila ubulungisa bakhe, emenza abe lilungisa wonke okholwayo kuYesu.
Explore KWABASEROMA 3:25-26
4
KWABASEROMA 3:20
Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
Explore KWABASEROMA 3:20
5
KWABASEROMA 3:10-12
njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Akukho namnye ulilungisa; akukho mntu uqondayo; akukho umfunayo uThixo! Bonke bamfulathele; akukho yabo xa bebonke. Akukho wenza okulungileyo; hayi namnye!
Explore KWABASEROMA 3:10-12
6
KWABASEROMA 3:28
Kuba kaloku sigqibe kwelithi uThixo wenza abantu babe ngamalungisa ngokholo, kungengakuthobela kwabo umthetho.
Explore KWABASEROMA 3:28
7
KWABASEROMA 3:4
Nakanye! UThixo yena uhlala enyanisekile, nangona bangade bonke abantu babe ngamaxoki, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Umelwe kukubonakala ngamazwi akho ukuba uthembekile, woyise ekuthethweni kwetyala lakho.”
Explore KWABASEROMA 3:4
Home
Bible
Plans
Videos