1
KWABASEROMA 5:8
IBHAYIBHILE
Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!
Compare
Explore KWABASEROMA 5:8
2
KWABASEROMA 5:5
Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
Explore KWABASEROMA 5:5
3
KWABASEROMA 5:3-4
Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
Explore KWABASEROMA 5:3-4
4
KWABASEROMA 5:1-2
Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo.
Explore KWABASEROMA 5:1-2
5
KWABASEROMA 5:6
Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.
Explore KWABASEROMA 5:6
6
KWABASEROMA 5:9
Sigwetyelwe nje ngenxa yegazi lakhe, kokukhona siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo kaThixo.
Explore KWABASEROMA 5:9
7
KWABASEROMA 5:19
Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.
Explore KWABASEROMA 5:19
8
KWABASEROMA 5:11
Ngaphezu koko ke, sineqhayiya novuyo ngaye uThixo, ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu, esithe ngayo saxolelaniswa noThixo.
Explore KWABASEROMA 5:11
Home
Bible
Plans
Videos