1
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:58
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Ngako oko, bazalwana bam abatandiweyo! yibani niqinile, ningenakushenxiswa, nikolisa ukwanda emsebenzini WENKOSI ngamaxesha onke, nisazi nje ukuba umzamo wenu awuyinto engendawo ENKOSINI.
Compare
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:58
2
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:57
Kodwa makubulelwe KUTIXO, osinikayo ulwoyiso ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:57
3
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:33
Ize ningakohliswa ke: Izincoko ezikohlakeleyo ziyonakalisa izimilo ezilungileyo.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:33
4
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:10
Kodwa ngofefe LUKATIXO ndikoko endikuko: nofefe lwake olwenzelwa mna alwaba yinto engendawo; koko ndagqitisayo kubo bonke ngokusebenza kakulu; ndingendim kodwa, lufefe LUKATIXO olube lukunye nam.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:10
5
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:55-56
Lupina, Kufa! ulwavila lwako? Lupina, Hadesi! ulwoyiso lwako? Kekaloku ulwavila lwokufa, sisono; namandla esono, ngumteto.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:55-56
6
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:51-52
Bona ke, ndiyanixelela imfihlakalo: Asiyi kulala kukufa sonke, kodwa siya kuguqulwa sonke, ngesiqupe, ngepanyazo leliso, ngexilongo lokugqibela: ngokuba ixilongo liya kuhlokoma, baye abafileyo beya kuvuswa bengenakubola, nati siya kuguqulwa.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:51-52
7
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:21-22
Ngokuba ekubeni ukufa kwezayo ngaye umntu, kweza ngaye umntu nokuvuka kwabafileyo. Ngokuba njengokuba ku‐Adame bonke bafayo, kwa njalo ku‐Kristu bonke baya kudliswa ubomi.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:21-22
8
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:53
Ngokuba oku okubolayo kufanele ukuba kwambate ukungaboli, noku okufayo ukuba kwambate ukungafi.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:53
9
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:25-26
Ngokuba efanele ukupata ubukumkani, ade azibeke zonke intshaba zake ngapantsi kwenyawo zake. Utshaba lwokugqibela olutshatyalaliswayo kukufa.
Explore Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 15:25-26