kanjalo wafela bonke, ukuze abo bahleliyo bangabi sazihlalela bona, koko bahlalele lowo ute ngenxa yabo wafa wabuya wavuka. Kwa njalo tina emveni kwakaloku nje asazi ngokwenyama namnye umntu: ewe nokuba simazile ngokwenyama u‐Kristu, noko ngoku asisamazi.