1
uLuka uLuka 3:21-22
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ke kaloku, bakubhaptizwa abantu bonke, kwathi, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza, lavuleka izulu; Wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yehobe, kweza nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda; Ndikholiswa nguwe.
Compare
Explore uLuka uLuka 3:21-22
2
uLuka uLuka 3:16
Waphendula uYohane wathi kubo bonke, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe: uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena
Explore uLuka uLuka 3:16
3
uLuka uLuka 3:8
Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
Explore uLuka uLuka 3:8
4
uLuka uLuka 3:9
Kaloku izembe selibekiwe engcanjini yemithi, ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
Explore uLuka uLuka 3:9
5
uLuka uLuka 3:4-6
Njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. Zonke iintlambo ziya kugungxulwa, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; zibe magoso-goso, neendlela ezimagqagala zibe lula; Yaye yonke inyama iya kulubona usindiso lukaThixo.
Explore uLuka uLuka 3:4-6
Home
Bible
Plans
Videos