1
uMateyu uMateyu 10:16
Contemporary Xhosa Bible 2024
Niyabona, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 10:16
2
uMateyu uMateyu 10:39
Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.
Explore uMateyu uMateyu 10:39
3
uMateyu uMateyu 10:28
Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo.
Explore uMateyu uMateyu 10:28
4
uMateyu uMateyu 10:38
Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.
Explore uMateyu uMateyu 10:38
5
uMateyu uMateyu 10:32-33
Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.
Explore uMateyu uMateyu 10:32-33
6
uMateyu uMateyu 10:8
Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.
Explore uMateyu uMateyu 10:8
7
uMateyu uMateyu 10:31
Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
Explore uMateyu uMateyu 10:31
8
uMateyu uMateyu 10:34
Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; ndize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.
Explore uMateyu uMateyu 10:34
Home
Bible
Plans
Videos