1
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:3-4
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Elowo makaxunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye.
Compare
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:3-4
2
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:5
Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:5
3
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:6-8
Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:6-8
4
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:13
Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:13
5
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:9-11
Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise.
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:9-11
6
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:14-15
Yenzani zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nokuxambulisana, ukuze nibe ngabantwana bakaThixo abangenakusoleka, abangenatyala phakathi kohlanga olujijekileyo, olugwenxa, enikhanya phakathi kwalo njengezikhanyiso ehlabathini.
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:14-15
7
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:12
Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela
Explore KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2:12
Home
Bible
Plans
Videos