USAMUWELI I 17
17
UDavide noGoliyati
1Ke kaloku amaFilisti ayihlanganisa imikhosi yawo ukuba alwe, ayihlanganisela eSoko ekwaYuda, amisa phakathi kweSoko neAzeka, e-Efesedamim. 2USawule namadoda akwaSirayeli ahlanganisana, amisa entilini kaEla, ákha uluhlu lokulwa ukuba awahlangabeze amaFilisti. 3AmaFilisti ema ngasentabeni ngapha, amaSirayeli ema ngasentabeni ngapha, umfula uphakathi kwawo.
4Kwaphuma empini yamaFilisti indoda efuna undikho, egama linguGoliyati waseGati, ebude buziikubhite• ezintandathu ezinomolulo weminwe;• 5enesigcinantloko sobhedu entloko, yambethe ingubo yentsimbi; ubunzima bengubo yentsimbi buziishekele• zobhedu ezimawaka mahlanu; 6eneentsekelezane zobhedu emilenzeni, nomkhonto wobhedu phakathi kwamagxa ayo; 7uluthi lwentshuntshe yayo belungangomthi wabaluki; intsimbi yentshuntshe yayo ibiziishekele ezimakhulu mathandathu esinyithi; kuhamba umphathi wekhaka phambi kwayo.
8Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, nayé nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum. 9Ukuba ithe yanako ukulwa nam, yandibulala, soba ngabakhonzi kuni; ukuba ndithe ndayeyisa mna, ndayibulala, noba ngabakhonzi kuthi, nisikhonze. 10Wathi umFilisti, Mna ndiyazingcikiva namhla izintlu zakwaSirayeli; ndikhupheleni indoda silwe sobabini.
11OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.
12Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, únyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda. 13Babeye ekulweni oonyana abathathu bakaYese abakhulu, bemlandela uSawule. Amagama oonyana bakhe abathathu ababeye kulwa nguEliyabhi owamazibulo, emva kwakhe nguAbhinadabhi, owesithathu nguShama. 14UDavide ubengomncinane; abakhulu bobathathu babelandele uSawule. 15UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.
16UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mané.
17Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa• yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho, 18use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo. 19USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.
20Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi. 21AmaSirayeli namaFilisti ákha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu. 22UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.
23Akubon' ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide. 24Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene. 25Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.
26Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba úngubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo? 27Bathetha abantu kuye ngokwelaa lizwi, bathi, Úya kwenjiwa nje umntu ombuleleyo. 28Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba uhle uzé kubonela ukulwa. 29Wathi uDavide, Ndenzéni ngoku? Bendibuza nje kodwa. 30Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.
31Aviwa amazwi awawathethayo uDavide, axelwa phambi koSawule, wamthabatha. 32Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti. 33Wathi uSawule kuDavide, Akunakuya kulo mFilisti ulwe naye; ngokuba ùsemncinane, abe yena eyindoda eqhele ukulwa kwasebuncinaneni bakhe.
34Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere,• yathabatha ixhwane emhlambini; 35ndaphuma, ndayilandela, ndayibetha, ndalihlangula ixhwane emlonyeni wayo. Yesuka phezu kwam, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibetha, ndayibulala. 36Umkhonzi wakho wayibetha ingonyama kwanebhere; lo mFilisti ungalukileyo uya kuba njengenye kuzo ke, ngokuba ungcikive izintlu zikaThixo ophilileyo. 37Wathi uDavide, UYehova owandihlangulayo ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere, nguye oya kundihlangula esandleni saló mFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Hamba ke, abe nawe uYehova.
38USawule wamambathisa uDavide ngezakhe iingubo, wambeka isigcinantloko sobhedu entloko, wamfaka ingubo yentsimbi. 39UDavide walibhinqa ikrele ngaphezu kweengubo zakhe, wazama ukuhamba ngazo; ngokuba ebengekazilingi. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nezi zinto, ngokuba andizilinganga. UDavide wazihluba. 40Wathabatha intonga yakhe esandleni sakhe, wanyula amatye amahlanu abuthelezi emlanjaneni, wawafaka empahleni yabalusi abenayo, eyingxowa, ephethe inkwitshi yakhe esandleni sakhe, weza kumFilisti lowo.
41UmFilisti wahamba, waya esondela kuDavide, nendoda ephatha ikhaka lakhe ihamba phambi kwakhe. 42UmFilisti wondela, wambona uDavide, wamdela; ngokuba ebesengumfana oyingqombo, emhle imbonakalo.
43Wathi umFilisti kuDavide, Ndiyinja na, ukuba uze kum uneentonga? UmFilisti wamtshabhisa uDavide ngoothixo bakhe. 44Wathi umFilisti kuDavide, Yiza kum apha, ndiyinike iintaka zezulu namarhamncwa asendle inyama yakho. 45Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo. 46Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo; 47lazi lonke eli bandla, ukuba àkungakrele, àkungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; wòninikela ke esandleni sethu.
48Kwathi, xa asukayo umFilisti, ehamba esondela, esiya kumhlangabeza uDavide, wakhawuleza uDavide, wabalekela eluhlwini, esiya kumhlangabeza umFilisti. 49UDavide wafaka isandla sakhe engxoweni, warhola ilitye khona, wasawula, watsho kumFilisti ebunzi; latshona ilitye ebunzini lakhe, wawa ngobuso bakhe emhlabeni. 50UDavide wameyisa ke umFilisti ngenkwitshi nangelitye, watsho kumFilisti, wambulala, kungekho krele esandleni sikaDavide. 51Wagidima uDavide, waya wema phezu komFilisti, walithabatha ikrele lakhe, walirhola esingxobeni salo, wambulala, wamnqumla intloko.
Abona ke amaFilisti ukuba lifile igorha lawo, asaba. 52Asuka amadoda akwaSirayeli nawakwaYuda, aduma, awasukela amaFilisti kwada kwayiwa emfuleni, kwesa emasangweni ase-Ekron. Awa amaFilisti angxwelerhiweyo endleleni yaseShaharayim, kwesa naseGati, kwesa nase-Ekron. 53Babuya oonyana bakaSirayeli ekuwasukeleni ngokushushu amaFilisti, baziphanga iintente zawo. 54UDavide wayithabatha intloko yomFilisti, wayisa eYerusalem; impahla yakhe wayibeka ententeni yakhe.
55Xa uSawule ebembona uDavide, ephuma esiya kumhlangabeza umFilisti, wathi kuAbhinere, umthetheli-mkhosi, Wa, Abhinere, ngunyana kabani na lo mfana? Wathi uAbhinere, Uhleli nje umphefumlo wakho, kumkani, andazi. 56Wathi ukumkani, Buza ukuba ingunyana kabani na le ndodana. 57Xa uDavide wabuyayo ekumbulaleni umFilisti, uAbhinere wamthabatha, wamzisa phambi koSawule, ephethe ngesandla intloko yomFilisti. 58Wathi uSawule kuye, Ùngunyana kabani na, mfanandini? Wathi uDavide, Ndingunyana womkhonzi wakho, uYese waseBhetelehem.
Currently Selected:
USAMUWELI I 17: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: