KAYOHANE III 1
1
1Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi,
2Ntanda, ndinga ungáthi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho. 3Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni. 4Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
5Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini, 6abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha; 7kuba báphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga. 8Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.
9Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli. 10Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, ábàlele abanga bangenjenjalo, ábakhuphe ebandleni.
11Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.
12UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene.
13Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba; 14ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo.
15Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen.
Currently Selected:
KAYOHANE III 1: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: