YouVersion Logo
Search Icon

IZENZO 17

17
ETesalonika
1Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda. 2Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila, 3ebeka phambi kwawo ukuba uKristu• ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna. 4Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko àbaba mbalwa.
5Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini. 6Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha; 7athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare,• besithi, Kukho kumkani wumbi unguYesu. 8Asikhathaza ke isihlwele nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto. 9Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula.
EBhereya
10Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda. 11La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezi zinto. 12Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, àbaba mbalwa.
13Akùqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele. 14Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas kwanoTimoti khona. 15Bathe ke bona abamkhapháyo uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bamkelé umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka.
EAtene
16Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela. 17Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona. 18Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure• nezamaStoyike• zamhlanganyela; yayisithi inxenye, Azi lifuna ukuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo.
19Bamthabatha ke bamsa eAreyopago,• besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na? 20Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singázi ngoko, ukuba zingaba zifuna ukuba yintoni na ezi zinto. 21Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.
Intetho kaPawulos eAreyopago
22Wema ke uPawulos esazulwini seAreyopago, wathi:
Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. 23Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, KONGÀZIWAYO UTHIXO. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.
24UThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. 25Kananjalo akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele into, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. 26Kanjalo wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha abekwe ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; 27ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangáphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. 28Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe.
29Siyinzala kaThixo nje ke, akusifanele ukuba sibe ubuthixo obu bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. 30Loo maxesha ke ngoko okungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; 31ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.
32Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto. 33Waphuma njalo ke uPawulos phakathi kwabo. 34Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.

Currently Selected:

IZENZO 17: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in