IZENZO 28
28
UPawulos eMelita
1Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. 2Amabharbhari• ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.
3Ke kaloku, akubon' ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. 4Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi. 5Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko. 6Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakùlinda futhi ke, bakùbona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo.
7Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. 8Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza; wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. 9Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; 10bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo.
Ukugqithela eRoma
11Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele. 12Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. 13Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon' ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli; 14safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. 15Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka.
16Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.
UPawulos ubonana namaYuda eRoma
17Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon' ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma. 18Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo. 19Athe ke amaYuda akùphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare;• kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu. 20Ndìnibongozé ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.
21Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe. 22Sìnga ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.
23Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise. 24Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingàkholwa.
25Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon' ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, 26Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, esithi,
Hamba uye kwaba bantu, uthi,
Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde;
Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe.
27Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba;
Beva nzima ngeendlebe,
Bewacima namehlo abo;
Hleze babone ngamehlo,
Beve ngeendlebe,
Baqonde ngeentliziyo,
Bajike, ndibaphilise.
(UIsaya 6:9,10)
28Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.
29Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo.
Isiphelo
30Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye, 31ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.
Currently Selected:
IZENZO 28: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: