IEKSODUS 12
12
Isimiselo sepasika
1Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi, 2Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka. 3Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu. 4Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni. 5Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.
6Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesiné lwale nyanga, sílixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga; 7bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo; 8bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra. 9Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwé ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo. 10Nize ningasalisi ndawo yalo kude kusé; okuseleyo kulo kwada kwasa nòkutshisa ngomlilo.
11Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika• kuYehova. 12Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova. 13Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.
14Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade. 15Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku kwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli. 16Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.
17Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade. 18Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesiné enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa. 19Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo. 20Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele.
21Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika. 22Nithabathe isipha sehisope,• nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kusé. 23UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale. 24Wòligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni. 25Nòthi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo. 26Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, 27Iyintoni na le nkonzo kuni? nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.
28Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
Isibetho seshumi nokunduluka kwamaSirayeli eYiputa
29Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo. 30Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo. 31Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu; 32nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele. 33AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile.
34Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo. 35Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo. 36UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, ábenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.
37Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engáthi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho. 38Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene. 39Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.
40Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mané aneminyaka emanci mathathu. 41Ekupheleni kweminyaka emakhulu mané, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa. 42Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.
43Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika nguló: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo. 44Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo. 45Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo. 46Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo. 47Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto. 48Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo. 49Wóba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.
50Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo. 51Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
Currently Selected:
IEKSODUS 12: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: