KUMAHEBHERE 5
5
1Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono; 2enokuthantamisa kwabangazi nto nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe. 3Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono.
4Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron. 5Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi,
ÙnguNyana wam wena,
Mna ndikuzele namhla;
(INdum. 2:7)
6njengokuba esithi nakwenye indawo,
Wena ungumbingeleli ngonaphakade,
Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
(INdum. 110:4)
7Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. 8Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; 9waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo, 10ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
Imfuneko yokukhula ebuKristwini
11Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe. 12Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, ànaba ngabafanele ukudla okuqinileyo. 13Kuba bonke abasasezwa amasi àbanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana. 14Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
Currently Selected:
KUMAHEBHERE 5: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: