UISAYA 27
27
Isidiliya seNkosi
1Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan• inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle.
2Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso. 3Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyéla ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto. 4Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye. 5Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam. 6Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo.
7Úmbethé ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi úbulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na? 8Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga. 9Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera• nezithixo zelanga. 10Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso. 11Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.
12Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo,• ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli.
13Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem.
Currently Selected:
UISAYA 27: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: