UISAYA 29
29
Ukugwetywa kweAriyeli
1Yeha, Ariyeli,• Ariyeli, mzi awamisa intente kuwo uDavide! Yongezelelani umnyaka kumnyaka; mayizunguleze imithendeleko. 2Ndiya kuyicutha ke iAriyeli, kubekho ukuncwina noncwino, ibe njengeAriyeli ke leyo kum. 3Ndiya kukurhawula, ndikungqinge ngenqaba, ndikumisele iintango zokukungqinga; 4uya kugungxulelwa phantsi, uthethe usemhlabeni, ukuthetha kwakho kudambe, kuvela eluthulini; izwi lakho liphume emhlabeni njengeloneshologu, ukuthetha kwakho kudumzele eluthulini. 5Ingxokolo yabakungenelayo iya kuba njengothuli olucolekileyo, ingxokolo yabakungcangcazelisayo ibe njengomququ ophephukayo; ibekho le nto ngephanyazo nangesiquphe.
6Kuphuma kuYehova wemikhosi ukuvelelwa kwayo ngeendudumo nangonyikimo lwehlabathi, nesandi esikhulu; ngesaqhwithi nomoya ovuthuzayo, nokulenya komlilo otshisayo. 7Yoba njengephupha, njengombono wasebusuku, ingxokolo yeentlanga zonke eziyiphumela umkhosi iAriyeli; zonke eziyiphumela umkhosi, yona nemboniselo yayo, eziyicuthayo.
8Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone asela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe; iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon.
9Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo. 10Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele. 11Kuni umbono weento zonke ubé njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe; 12incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi.
13Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa: 14ngako oko, yabona, ndiya kuphinda ndibaphathe aba bantu ngokubalulekileyo, kubaluleke, kumangaliseke; butshone ubulumko bezilumko zabo, isithele ingqondo yeengqondi zabo.
15Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo; bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo? 16Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?
17Awusemncinane na umzuzwana, ukuze iLebhanon ibuye ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi? 18Kuya kuthi ngaloo mini izithulu ziweve amazwi encwadi, amehlo eemfama abone esithokothokweni nasemnyameni. 19Abalulamileyo baya kukwandisa ukuvuya ngoYehova, abangamahlwempu eluntwini bagcobe ngoyiNgcwele kaSirayeli; 20ngokuba esusiwe umngcangcazelisi, ephelile umgxeki, benqunyulwe bonke abaphaphela ubutshinga; 21abamenza umoni umntu ngenxa yelizwi eli, bamthiyele owohlwayayo esangweni, balisunduze ilungisa ngochuku.
22Ngako oko utsho uYehova kwindlu kaYakobi, lowo wamkhululayo uAbraham, ukuthi, Ngoku uYakobi akayi kudana, ngoku ubuso bakhe abuyi kuba luthuthu. 23Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli. 24Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo.
Currently Selected:
UISAYA 29: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: