UISAYA 43
43
Ukuhlawulelwa kukaSirayeli nokuthunywa kwakhe
1Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam. 2Xa uthi uwéle emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi. 3Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirholé iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho. 4Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.
5Musa ukoyika, ngokuba ndinawe: ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikubuthe nasentshonalanga. 6Ndiya kuthi kumntla, Ethe; nakumzantsi, Musa ukuthintela; nazise oonyana bam bevela kude, neentombi zam zivela eziphelweni zehlabathi: 7yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo. 8Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe.
9Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso. 10Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye. 11Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim. 12Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo. 13Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndísebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?
14Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo. 15Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu. 16Utsho uYehova, umenzi wendlela elwandle, womendo emanzini anamandla; 17umkhuphi wenqwelo nehashe, wempi nentshatshela; baya kulala bangavuki, bethile, becimile njengomsonto wesibane: 18utsho ukuthi, Musani ukukhumbula izinto zangaphambili, ningazikhathaleli nezamandulo. 19Yabonani, ndiya kwenza into entsha, intshule ngoku; aniyi kuyazi na? Inene, ndiya kwenza indlela entlango, nemilambo enkangala. 20Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam. 21Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.
22Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli. 23Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe. 24Akundithengelanga kalamo• ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, ùndikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.
25Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho. 26Ndíkhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe. 27Uyihlo wokuqala wóna, nabalamleli bakho bakreqa kum. 28Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe.
Currently Selected:
UISAYA 43: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: