UMARKO 13
13
Intshumayelo yesiprofeto: Ukuqala kweentlungu
(UMat. 24:1-14)
1Kwakubon' ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka? 2Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3Baye, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi, 4Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba úya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.
5Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani; 6kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu,• balahlekise into eninzi. 7Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho; 8kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
9Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo. 10Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo ezi kuzo zonke iintlanga.
11Xa sukuba ke benirhola beya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha, ningacamangi nokucamanga nto. Into enithe nayinikwa ngelo xa, thethani yona; kuba asinini enithethayo, nguMoya oyiNgcwele.
12Ke kaloku, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana, bathi nabantwana bavukelane nabazali, bababulalise; 13nithìywe ngabantu bonke, ngenxa yegama lam. Ke onyamezelayo kude kube sekupheleni, lowo wosindiswa.
Intshutshiso enkulu
(UMat. 24:15-28)
14Ke kaloku, xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso,• ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi apho lingamele kuba khona (olesayo makaqiqe), mabathi ngelo xa abo bakwaYuda basabele ezintabeni. 15Ophezu kwendlu ke makangehli aye endlwini, angangeni aye kuthabatha into endlwini yakhe. 16Nalowo usentsimini makangabuyeli emva, aye kuthabatha ingubo yakhe. 17Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
18Thandazani ke, ukuze intsabo yenu ingabi khona ebusika. 19Kuba yona loo mihla iya kuba yimbandezelo, engazanga ibekho enjalo kwasekuqalekeni kwendalo awayidalayo uThixo, kwada kwakalokunje; engasayi kubuya ibekho. 20Kanjalo ukuba iNkosi ibingayinqamlelanga loo mihla, bekungayi kubakho mntu usindayo; koko ithe ngenxa yabanyulwa ebanyulileyo, yayinqamlela imihla leyo.
21Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukukholwa nguye; 22kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso nemimangaliso yokulahlekisa nabanyuliweyo, ukuba bekunokwenzeka. 23Lumkani ke nina; yabonani, ndinixelele izinto zonke ngenxa engaphambili.
Ukubuya koNyana woMntu
(UMat. 24:29-35)
24Ngaloo mihla, emveni kwayo loo mbandezelo, liya kusuka ilanga lenziwe mnyama, ithi nenyanga ingabukhuphi ubumhlophe bayo; 25zithi neenkwenkwezi zezulu zivuthuluke; athi namandla asemazulwini azanyazanyiswe. 26Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. 27Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omané omoya, kuthabathela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.
28Wufundeni ke kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. 29Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. 30Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. 31Liya kudlula izulu nehlabathi, ke wona amazwi am akasayi kudlula.
Phaphani!
32Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, àzazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. 33Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; 34njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.
35Lindani ngoko, ngokuba ningàkwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; 36hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele. 37Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.
Currently Selected:
UMARKO 13: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: