IMIZEKELISO 5
5
Uyise uyala unyana wakhe achase ubuhenyu
1Nyana wam, bubazele indlebe ubulumko bam,
Ingqondo yam uyithobele indlebe yakho;
2Ukuze ugcine iminkqangiyelo,
Ulondoloze ukwazi umlomo wakho.
3Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu,
Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe;
4Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane,
Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini.
5Iinyawo zakhe zihla ziye ekufeni,
Amabanga akhe abambelele kwelabafileyo.
6Akangéze wahamba ngomendo wobomi;
Imikhondo yakhe iyajikajika, engazi.
7Ke ngoku, bonyana, ndiveni,
Ningemki entethweni yomlomo wam.
8Mayibe kude kuye indlela yakho,
Ungasondeli emnyango wendlu yakhe;
9Hleze uyinike abanye intlahla yakho,
Uyinike isijorha iminyaka yakho;
10Hleze kuhluthe abasemzini ngamandla akho,
Kungene endlwini yowolunye uhlanga ukubulaleka kwakho;
11Ugcume ekupheleni kwakho,
Ekudlekeni kwenyama yakho nezihlunu zakho;
12Uthi, Bendiluthiyeleni na uqeqesho,
Yasigiba isohlwayo intliziyo yam?
13Àndaliphulaphula izwi labayali bam;
Àndayithobela indlebe yam kubafundisi bam!
14Ndaphantsa ukuba sebubini bonke
Esazulwini sesikhungu nebandla.
15Sela amanzi kwelakho iqula,
Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho.
16Mayiphalale phandle imithombo yakho,
Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.
17Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa,
Ingabi yeyabangéngabo abakowenu kunye nawe.
18Malisikelelwe ithende lakho,
Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;
19Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle;
Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke,
Uyotywe luthando lwakhe kuphele.
20Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu,
Uwole isifuba sowolunye uhlanga?
21Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,
Áyilungelelanise imikhondo yakhe.
22Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo,
Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.
23Yena ufa kukuswela uqeqesho,
Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 5: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.