IMIZEKELISO 8
8
Isimemezo nombongo wobulumko
1Abumemezi na ubulumko?
Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
2Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni,
Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
3Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko,
Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
4Ndimemeza kuni, madoda;
Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
5Buqondeni ubuqili, ziyatha;
Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
6Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu,
Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
7Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso;
Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
8Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni;
Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
9Yonke iphela ithe gca konengqondo,
Ithe tye kwabafumene ukwazi.
10Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere;
Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
11Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,•
Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
12Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini;
Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
13Ukoyika uYehova kukuthiya into embi:
Ikratshi nokukratsha, nendlela embi,
Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
14Likum icebo nozimaso;
Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
15Ookumkani banobukumkani ngam;
Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
16Bathethela ngam abathetheli,
Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
17Abandithandayo ndiyabathanda nam;
Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
18Bunam ubutyebi nozuko,
Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
19Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo;
Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
20Ndihamba ngomendo wobulungisa,
Phakathi kweendlela ezisesikweni;
21Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo,
Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
22UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe,
Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.
23Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko,
Kwasemandulweni ehlabathi.
24Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo,
Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
25Ndazalwa kungekafakwa ntaba,
Naphambi kweenduli;
26Engekawenzi umhlaba namaphandle,
Nothuli lonke lwelimiweyo.
27Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho;
Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
28Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu;
Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
29Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo,
Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe;
Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
30Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi,
Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;
Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke,
31Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe;
Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.
32Ke ngoko, bonyana, ndiveni;
Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam!
33Yivani uqeqesho, nibe nobulumko,
Ningaluyeki.
34Hayi, utolo lomntu ondivayo,
Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini,
Egcine emigubasini yeminyango yam!
35Kuba ofumana mna, ufumene ubomi;
Uzuzé okukholekileyo kuYehova.
36Ophosana nam wona owakhe umphefumlo;
Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 8: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.