IINDUMISO 103
103
Umbongo wemfesane kaThixo
EkaDavide.
1Mbonge uYehova, mphefumlo wam,
Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.
2Mbonge uYehova, mphefumlo wam,
Ungayilibali yonke impatho yakhe entle:
3Uloxolela bonke ubugwenxa bakho;
Ulophilisa zonke izifo zakho;
4Ulokhulula ubomi bakho esihogweni,
Akuthi jize ngenceba nemfesane;
5Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo,
Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.
6NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,
Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;
7Umazisi weendlela zakhe kuMoses,
Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.
8Unemfesane enobabalo uYehova,
Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9Akaphiki kuphele,
Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10Akenzi kuthi ngokwezono zethu,
Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,
Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
12Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,
Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
13Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,
Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
14Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,
Ekhumbula ukuba siluthuli.
15Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;
Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.
16Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho,
Ingabi sazana nayo indawo yayo.
17Ke yona inceba ka Yehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni,
Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;
18Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe,
Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.
19UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe,
Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.
20Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe,
Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe,
Ephulaphula isandi selizwi lakhe.
21Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe,
Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.
22Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe,
Ezindaweni zonke zobukumkani bakhe.
Mbonge uYehova, mphefumlo wam.
Currently Selected:
IINDUMISO 103: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.