IINDUMISO 109
109
Ukukhalela impindezelo
Kumongameli; ekaDavide. Umhobe.
1Thixo wendumiso yam, musa ukuthi tu;
2Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso;
Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki.
3Bandijikele ngeentetho zentiyo;
Balwa nam ngelizé.
4Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa,
Ndibe mna ndithandaza.
5Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi;
Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.
6Misa ongendawo, abe ngumveleli wakhe,
Eme uSathana ngasekunene kwakhe.
7Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo,
Nomthandazo wakhe ube sisono.
8Imihla yakhe mayibe mbalwa,
Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.
9Oonyana bakhe mababe ziinkedama,
Nomkakhe abe ngumhlolokazi;
10Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,
Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.
11Umboleki-mali makakushwankathele konke anako,
Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.
12Makungabikho wolulela nceba kuye,
Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.
13Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,
Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.
14Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,
Singàcinywa isono sonina.
15Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,
Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;
16Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,
Etshutshise indoda elusizana,
Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.
17Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;
Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.
18Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe,
Kwangena embilinini wakhe njengamanzi,
Nanjengeoli emathanjeni akhe.
19Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo,
Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.
20Nguwo lowo umvuzo wabandichasayo, ophuma kuYehova,
Wabathetha okubi ngomphefumlo wam.
21Ke wena Yehova, Nkosi, ndénzele ngenxa yegama lakho;
Ngokokuba ilungile inceba yakho; ndíhlangule.
22Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu,
Intliziyo yam ihlatyiwe phakathi kwam.
23Ndijengethunzi xa lolukayo, ndiyemka;
Ndiphetshethwa njengenkumbi.
24Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla,
Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.
25Ndithe ndasisingcikivo kubo;
Béndibona, bahlunguzela intloko.
26Ndíncede, Yehova, Thixo wam,
Ndísindise ngokwenceba yakho;
27Bazi ukuba sisandla sakho eso,
Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.
28Bayaqalekisa aba, ùyasikelela wena;
Besukile bema, baya kudana; ùya kubuya yena umkhonzi wakho.
29Abandichasayo baya kwambatha ihlazo,
Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.
30Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam,
Ndimdumise phakathi kwabaninzi;
31Kuba emi ekunene kolihlwempu,
Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.
Currently Selected:
IINDUMISO 109: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.