IINDUMISO 38
38
Indumiso yosezintlungwini, ezohlwaya
Umhobe kaDavide: eyokukhumbuza.
1Yehova, musa ukundohlwaya únoburhalarhume,
Ungandithethisi únobushushu:
2Ngokuba iintolo zakho zitshoné kum,
Sehla kanzima kum isandla sakho.
3Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho;
Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.
4Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam,
Bundisinda njengomthwalo onzima.
5Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam,
Ngenxa yokumatha kwam.
6Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu;
Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.
7Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,
Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
8Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;
Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
9Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,
Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
10Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;
Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
11Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,
Nezalamane zam zimi kude.
12Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;
Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,
Bacamanga inkohliso imini yonke.
13Ke mna ndinjengesithulu, andiva;
Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.
14Ndinjengomntu ongeva nto,
Omlomo ungenakuthethisa.
15Ngokuba ndilindéle kuwe, Yehova;
Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,
16Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyelele
Bona abo bangázikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.
17Ngokuba ndihlalele ukujingxela,
Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.
18Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam;
Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.
19Ke zona iintshaba zam ziphilile, ziziimfidi;
Baninzi abandithiyileyo bexoka;
20Abandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo
Bayandichasa, ngenxa yokuphuthuma kwam okulungileyo.
21Musa ukundishiya, Yehova;
Thixo wam, musa ukuba kude nam.
22Khawuleza undincede,
Nkosi yam, Msindisi wam.
Currently Selected:
IINDUMISO 38: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.