IINDUMISO 49
49
Ubutyebi abunako ukusindisa ekufeni
Kumongameli: eyoonyana bakaKora. Umhobe.
1Yivani oku, nina nonke zizwe;
Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,
2Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda,
Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.
3Umlomo wam uza kuthetha ubulumko;
Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.
4Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam,
Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.
5Ndoyikelani na emihleni yobubi,
Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?
6Abo bakholose ngemfuyo yabo,
Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.
7Akukho bani unokukhulula umzalwana;
Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye
8(Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,
Masincanywe ngonaphakade),
9Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,
Angasiboni isihogo.
10Ngokuba ubona izilumko zibhubha,
Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,
Bayishiye nabanye imfuyo yabo.
11Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.
Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;
Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.
12Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,
Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
13Yiyo le indlela yabanyabileyo,
Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)
14Babuthé ngokweegusha kwelabafileyo;
Ukufa kuyabalúsa;
Abathe tye bayabanyathela kwakusa;
Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.
15Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo,
Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)
16Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda,
Bakwànda ubuqaqawuli bendlu yayo:
17Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento,
Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.
18Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe,
Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,
19Úya kuya noko esizukulwaneni sooyise;
Abayi kukubona ukukhanya naphakade.
20Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi,
Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
Currently Selected:
IINDUMISO 49: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.