YouVersion Logo
Search Icon

IINDUMISO 58

58
Umthandazo wokucela impindezelo phezu kwabangendawo
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu.
1Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo?
Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?
2Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha;
Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.
3Abangendawo baphambukile kwasesizalweni;
Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.
4Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka,
Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;
5Ukuze lingaliva izwi labanyangi,
Lababopha ngomabophe, beziingcibi.
6Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo;
Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.
7Mabaphalale njengamanzi equkuqela;
Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.
8Mababe njengenkumba ehamba inyibilika,
Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.
9Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu,
Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, úyayiqweqwedisa.
10Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo;
Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,
11Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo;
Inene, úkho uThixo ogwebayo ehlabathini.

Currently Selected:

IINDUMISO 58: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in