IINDUMISO 81
81
Ukulunga kukaThixo nokusikwa kwakhe yimfesane ngenxa yabantu bakhe abangakholwayo
Kumongameli; ngolwaseGati. Ka-Asafu.
1Memelelani kuThixo, igwiba lethu,
Dumani kuThixo kaYakobi.
2Hlabani ingoma, nibethe ingqongqo,
Uhadi olumnandi, kunye nomrhubhe.
3Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga,
Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.
4Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli,
Lisiko likaThixo kaYakobi.
5Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu,
Ekucadeni kwakhe ezweni laseYiputa;
Ndeva intetho endingayaziyo.
6Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe;
Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.
7Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula;
Ndakuphendula esitheni leendudumo,
Ndakuvavanya emanzini aseMeribha.• (Phakamisani.)
8Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni;
Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!
9Makungabikho thixo wasemzini kuwe;
Unganquli thixo wolunye uhlanga.
10Ndim uYehova uThixo wakho,
Okunyusileyo elizweni laseYiputa.
Yàkhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.
11Ke abantu bam àbáliva izwi lam,
USirayeli akandivumanga.
12Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo;
Bahamba ngawabo amaqhinga.
13Akwaba abantu bam bebendiva,
Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!
14Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo,
Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.
15Abamthiyayo uYehova bebeya kuhanahanisa kuye,
Libe ngunaphakade ixesha labo.
16Bendiya kubadlisa ingqolowa etyebileyo,
Ndibahluthise ngobusi etsilini.
Currently Selected:
IINDUMISO 81: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.