IINDUMISO 83
83
Umthandazo wokucela ukuba uThixo aziduba-dube iintshaba zakhe
Ingoma. Umhobe ka-Asafu.
1Thixo, musa ukuthi cwaka,
Musa ukuthi tu, musa ukuzola, Thixo.
2Ngokuba nanzo iintshaba zakho zixokozela;
Abakuthiyayo baphakamisa intloko.
3Bagqugula igqugula elinobuqhophololo ngabantu bakho,
Bacebisane ngabagushiweyo nguwe.
4Bathi, Yizani sibethe bee shwaka, bangabi luhlanga,
Lingabi sakhunjulwa igama likaSirayeli.
5Ngokuba bacebisana ngantliziyo-nye,
Benza umnqophiso ngawe:
6Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,
AmaMowabhi namaHagari,
7AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,
AmaFilisti kunye nabemi baseTire;
8Nama-Asiriya athelele kubo,
Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)
9Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,
NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.
10Batshabalala e-Endore,
Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.
11Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;
Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;
12Bona bathi,
Masiwahluthe abe ngawethu amakhaya kaThixo.
13Thixo wam, bénzé babe njengesaqhwithi,
Njengomququ phambi komoya.
14Njengomlilo odla ihlathi,
Njengedangatye lilenya intaba,
15Yènjenjalo ukubasukela ngoqhwithela lwakho,
Ubakhwankqise ngomoya wakho ovuthuzayo.
16Búzalise ubuso babo ngehlazo,
Balifune igama lakho, Yehova.
17Mabadane bakhwankqiswe ngonaphakade,
Babe neentloni, badake;
18Bazi ukuba wena, ugama linguYehova, unguwe wedwa
Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke.
Currently Selected:
IINDUMISO 83: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.