YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEROMA 10

10
1Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe. 2Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko. 3Kuba bathe, bengàbazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. 4Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo.
Indlela entsha yobulungisa yeyomntu wonke
5Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kuphila zizo.
6Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu? nokuthi, 7Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni, ukuba anyuse uKristu kwabafileyo? 8Buthini na ke? Buthi, Ilizwi eli likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, eli sivakalisa lona. 9Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
11Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. 12Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. 13Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
14Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? 15Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
(UIsaya 52:7)
16Àbazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu? 17Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
18Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena!
Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi,
Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.
(INdum. 19:4)
19Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi,
Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga,
Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.
(IDut. 32:21)
20Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi,
Ndifunyenwe ngababengandifuni,
Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.
(UIsaya 65:1)
21Ke ngokubhekisele kuSirayeli uthi,
Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikayo.
(UIsaya 65:2)

Currently Selected:

KWABASEROMA 10: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in