KWABASEROMA 5
5
Isiqhamo sokholo
1Ngoko, sigwetyelwe nje ngokwaselukholweni, sinoxolo kuThixo ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 2esaba nako ngaye ukuthi singene ngokholo kolu lubabalo simiyo kulo, siqhayise ngokuthemba uzuko lukaThixo.
3Asikukuphela ke oko; sizingca nangeembandezelo ezi, sisazi ukuba imbandezelo isebenza unyamezelo; 4unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba; 5ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
Uthando lukaThixo lubonakaliswe ekufeni kukaKristu
6Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. 7Kuba kungángenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo; 8ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele. 9Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo. 10Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, síxolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe. 11Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.
Ukufa kuze ngoAdam; ubomi buze ngoKristu
12Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo; 13kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho. 14Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.
15Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo. Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwaló mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba. 16Kanjalo sona isipho asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni. 17Kuba, xa kwathi ngesiphoso salowo mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye, kokukhona baya kuthi aba bakwamkelàyo ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, babe nokulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
18Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu, ngokunjalo kothi nangesenzo esinye sobulungisa, kubekho ukugwetyelwa ubomi kubo bonke abantu. 19Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa. 20Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo; 21ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.
Currently Selected:
KWABASEROMA 5: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: