KUTITO 3
3
Ukuziphatha kwamaKristu nesiseko sako
1Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, baphulaphule abaphathi, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo. 2Mabanganyelisi namnye umntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke.
3Kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo, sihleli ngolunya nomona, sinezothe, sithiyana. 4Kodwa kuthe kwakubonakala ububele bukaThixo, uMsindisi wethu, nokuthanda kwakhe abantu, 5kungengamisebenzi esebulungiseni esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele; 6awamthululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu; 7ukuze sithi, sígwetyelwé ngobabalo lwalowo, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba.
8Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zintle, zinokubanceda abantu. 9Ke yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi lutho, asinto zanto. 10Umntu ongumahlukanisi, akuba elulekwe kanye nokuba kukabini, mmangale; 11ùsazi ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; ùyona, ezigwebile ngokwakhe.
Imiyalezo yombuliso
12Xenikweni ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopolis; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho. 13UZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, báxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto. 14Abethu mabafunde ke ukwenza imisebenzi emihle yokunceda abaswele kanzima, ukuze bangabi ngabangenasiqhamo.
15Bayakubulisa bonke abanam. Babulise abo basithandayo ngokwaselukholweni.
Ubabalo malube nani nonke. Amen.
Currently Selected:
KUTITO 3: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: