IINDUMISO 76
76
UThixo umrhwaqelisi wezikumkani
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; likhatshwa ngezeengcingo.
1UThixo uyaziwa kwaJuda;
igama lakhe lidumile kwaSirayeli.
2IseJerusalem indlu yakhe;
ikhaya lakhe liseZiyon.
3Wazikroboza iintolo namakhakha,
amakrele nezikrweqe zemfazwe.
4Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,
ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.
5Amagorha uwahluthe amaxhoba;
amajoni alala undolala,
akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.
6Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,
amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.
7Awu, uyamangalisa kambe!
Ngubani onokujongana nawe
wakuvutha umsindo wakho?
8Wena wagweba usemazulwini,
ihlabathi latsho lakhwankqiswa.
9Ngokuya wena wawisa isigwebo
sokusindisa abacinezelwa behlabathi.
10Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;
abasindileyo kuwo bayayaleka.
11Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;
abamngqongileyo mabezise izithabathaba
barhume kulowo ufanele ukoyikwa,
12kulowo unqamla umoya wamatshawe,
ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.
Currently Selected:
IINDUMISO 76: XHO96
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.
IINDUMISO 76
76
UThixo umrhwaqelisi wezikumkani
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; liculo; likhatshwa ngezeengcingo.
1UThixo uyaziwa kwaJuda;
igama lakhe lidumile kwaSirayeli.
2IseJerusalem indlu yakhe;
ikhaya lakhe liseZiyon.
3Wazikroboza iintolo namakhakha,
amakrele nezikrweqe zemfazwe.
4Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,
ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.
5Amagorha uwahluthe amaxhoba;
amajoni alala undolala,
akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.
6Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,
amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.
7Awu, uyamangalisa kambe!
Ngubani onokujongana nawe
wakuvutha umsindo wakho?
8Wena wagweba usemazulwini,
ihlabathi latsho lakhwankqiswa.
9Ngokuya wena wawisa isigwebo
sokusindisa abacinezelwa behlabathi.
10Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;
abasindileyo kuwo bayayaleka.
11Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;
abamngqongileyo mabezise izithabathaba
barhume kulowo ufanele ukoyikwa,
12kulowo unqamla umoya wamatshawe,
ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.
Currently Selected:
:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.