Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 4:12-13
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 4:12-13 XHO1902A
Batandwa! ningatelwa nqa ukutsha okukoyo pakati kwenu kube kukulingwa kwenu, njengokungati into emangalisayo ibinihlela: niti, njengoko ninobudlelana nazo intlungu zika‐Kristu ngako, nivuye; ukuze kanjalo ekutyilweni kwobungcwalisa bake nivuye ngokugcoba kakulu.