Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, no‐Silivane, no‐Timote, kwiṙemente yama‐Tesalonika e kutixo uyise nenkosi u‐Yesu Kristu: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
2Siyabulela kutixo ngamaxesha onke ngenxa yenu nonke, sinikankanya emitandazweni yetu; 3singayeki ukukumbula umsebenzi wenu wokolo, nomzamo wotando, nomonde wetemba enkosini yetu u‐Yesu Kristu, ebusweni bake utixo nobawo wetu: 4sisazi nje, bazalwana abatandiweyo ngutixo! ukunyulwa kwenu; 5kuba ivangeli yetu ibingezanga kuni emazwini odwa, koko yezayo nasemandleni, na kumoya oyingcwele, nasekuqiniseni okuninzi; kwa njengokuba nisazi ukuba saba ngabanjanina pakati kwenu ngenxa yenu. 6Nani naba ngabalandeli betu, na benkosi, nilamkele nje ilizwi ebunzimeni obuninzi, kunye novuyo lwomoya oyingcwele; 7nada naba yimizekelo kubo bonke abakolwayo e‐Masedoniya nase‐Akaiya. 8Ngokuba kwa kuni livakalisiwe ilizwi lenkosi kungekuyo i‐Masedoniya ne‐Akaiya yodwa, koko nakuzo zonke indawo inkolo yenu engakuye utixo ipumile; side singafaneli tina ukuteta into. 9Ngokuba bona ngokwabo beshumayela ngati ukuba bekunjanina ukungena esibe sinako kuni, nokuba nati nina ukuguqukela kutixo niguquka ezitixweni, ukumkonza utixo opilileyo oyinyaniso, 10nokumlinda unyana wake evela ezulwini, ate wamvusa ekufeni, kwa u‐Yesu, osihlangulayo emsindweni ozayo.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 1: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: