Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 5
5
1Kodwa amaxesha namatuba, bazalwana! aninakuswela ukuba kuba̔lwe kuni ngawo. 2Ngokuba nikolisa ukwazi ngokwenu ukuba wona umhla wenkosi uyenje njalo ukuza njengesela ebusuku. 3Ngokuba xeshekweni baya kuti: Kuko uxolo nokunqaba; iti oko ibafikele imbujiswa ngokwalama, njengokuba inimba ifikela umfazi omitiyo; baye bengayi kusinda nakanye. 4Kodwa nina, bazalwana! anisebumnyameni, ukuze umhla lowo unibaqe njengesela. 5Nina nonke nilusapo lwokukanya, nilusapo lwemini: tina asingabobusuku, asingabobumnyama kanjako. 6Ngako ke masingalali butongo, njengokuba besenje njalo nabanye; masiti silinde siqabuke. 7Ngokuba abo balalayo belala ebusuku; nabo banxilayo benxila ebusuku. 8Kodwa tina singabemini nje, masiqabuke, sisambete isigcinisifuba sokolo notando, netemba losindiswa libe ngumnqwazi: 9kuba utixo engasimiselanga umsindo, koko wasimisela ukuzuza usindiswa ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, 10owasifelayo, ukuze ke, nokuba kuti sivuke, nokuba kuti silale, sidle ubomi kwa kunye naye. 11Ngako oko yonwabisanani, nimisane, kwa njengokuba nisenje njalo.
12KEKALOKU siyanitandaza, bazalwana! ukuba nibazi abo basebenzayo pakati kwenu, abanipatayo enkosini, abanilulekayo; 13nokuba nibabuke kakulu ngakumbi elutandweni ngenxa yomsebenzi wabo. Yibani nokuxolana pakati kwenu.
14Kanjako siyaniyala, bazalwana! lulekani ababugaxagaxa, tutuzelani abantliziyo zinokudana, xasani abo babutataka, yibani nokuzeka kade kubo bonke.
15Lumkani ukuba kungabiko mntu opindezelayo kwomnye ngobubi ngenxa yobubi; niti ngamaxesha onkemiputume oko kulungileyo, kwa omnye ngakwomnye, nangakubo bonke abantu.
16Vuyani ngamaxesha onke. 17Tandazani ningayeki. 18Bulelani ezintweni zonke: ngokuba oku kuyintando katixo ku‐Kristu Yesu ngakuni.
19Ningacimi umoya. 20Ningadeli iziprofitesho. 21Lingani izinto zonke; bambani leyo ilungileye. 22Zilani zonke intlobo zenkohlakalo.
23Kekaloku yena utixo woxolo ngokwake wanga anganingcwalisa isiqu sipela: ewe umoya nompefumlo nomzimba wenu wonke upela maugcinwe ube ungenatyala ekufikeni kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu. 24Unyanisekile lowo unibizayo, oya kuti kanjalo akwenze.
25Bazalwana! sitandazeleni. 26Bulisani bonke abazalwana ngokwanga okungcwele. 27Ndiyanifungisa inkosi ukuba lencwadi ileseshwe kubo bonke abazalwana abangcwele.
28Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani. Amene.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 5: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: