YouVersion Logo
Search Icon

Izenzo zabapostile 1

1
ISAHLUKO I.
1INCWADI yapambili ke, Teyofilusi! ndayenza ngako konke waqalayo u‐Yesu kwa nokukwenza nokukufundisa, 2kwada kwayimini wabenyuswa ngayo, akuba ebebayalele ngomoya oyingcwele abapostile abebanyulile: 3abete kanjako wazityila kubo ukuba uhleli, emveni kwokuva kwake intlungu, ngezizatu eziqinileyo ezininzi, ebonakala kubo imihla yamashumi mane, eteta izinto ezingabo ubukumkani bukatixo. 4Waza ehlanganisene nabo wabayala ukuba mabangemki e‐Yerusaleme, mabalinde isibambiso soyise, — eso, watsho yena, enisivileyo kum: 5ngokuba u‐Johane okunene wabapitizesha ngamanzi; kodwa nina nobapitizeshwa ngomoya oyingcwele, intsuku ezingeninzi emveni kwezi.
6Kwa njalo ke bakuba bebebutene, babuza kuye, besiti: Nkosi! ubuya ubumisele o‐Sirayeli ubukumkani ngelixesha kusinina? 7Waza wati kubo: Asi kokwenu ukwazi amaxesha namatuba ubawo awabekileyo ngelake igunya; 8koko niya kwamkela amandla, akuba umoya oyingcwele ehlile pezu kwenu; naniya kuba ngamanqi̔na am kwa nakuyo i‐Yerusaleme, nakuyo yonke i‐Judeya ne‐Samariya, nakude kube sekupeleni kwomhlaba.
9Kekaloku akuba ebetshilo oku, nxa bebekangela bona, wafunqulwa, lati ilifu lamsusa emehlweni abo. 10Naxeshekweni bebejongela ngasezulwini ekumkeni kwake, bona ke, amadoda amabini ebemi kufupi nabo enezivato ezimhlope; 11abesitsho kanjalo ukuti: Madoda ase‐Galili! yinina ukuba nimi nikangela ezulwini? lo u‐Yesu obenyuswa kuni wasiwa ezulwini, uya kuza njalo njengokuba nimbonile esiya ezulwini.
12Bandula babuyela e‐Yerusaleme bebuya entabeni e‐kutiwa yeyeminquma, emgama wehambo yesabata ukuba kufupi kwayo ne‐Yerusaleme. 13Bati bakuba bengenile, benyukela enkambilini yapezulu apo bebehlala kona; kwa u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, no‐Andreya; u‐Filipi, no‐Tomasi; u‐Batolomeyu, no‐Mateyu; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Simone umzeloti, no‐Jude umninawe ka‐Yakobi. 14Aba bonke bebezingisa ngentliziyo nye ekutandazeni nasekukungeni, kunye nabafazi no‐Mariya unina ka‐Yesu, nakunye nabazalwana bake.
15Kekaloku kwezintsuku wesuka wema u‐Petrosi pakati kwabadisipile, (ngati inani lamagama abebendawonye lalilikulu linamashumi mabini,) wati: 16Madoda, bazalwana! bekufanele ukuba esisiba̔lo sizaliseke, eso umoya oyingcwele wasitetayo ngapambili ngomlomo ka‐Davide, ngaye u‐Jude obengumkokeli kubo abambambayo u‐Yesu: 17ekubeni ebebalwe pakati kwetu, wazuza isabiwo sobukonzi obu. 18(Lo ke kekaloku watenga intsimi ngomvuzo wenkohlakalo yake; waza ewile ngentloko wacandeka pakati, ati onke amatumbu ake apalaka: 19kwasuka kwazeka oku kubo bonke abebemi e‐Yerusaleme, lada labizwa igama lentsimi leyo ngokwakowabo ukuteta ngokuti yi‐Akelidama, oko kukuti yintsimi yegazi.) 20Ngokuba kuba̔liwe encwadini yamaculo ukuti: Maibe indlu yake ici̔takele; makungabiko namnye ohlala kuyo: nokuti: Mabutatyatwe ngomnye ubongama bake. 21Kufanelekile ngoko, ukuba iti enye yalamadoda apelekene nati lonke ixesha inkosi u‐Yesu yangena yapuma ngalo pakati kwetu, 22ekuqaleni kwayo kulo ubapitizesho luka‐Johane, kwada kwayimini yabinyuswa ngayo kuti, ibe linqi̔na lokuvuka kwayo kunye nati.
23Baza bamisa ababini, u‐Josefe obizwa ngo‐Barasaba, owatiywa elinye igama elingu‐Yusitusi, no‐Matiya. 24Batandaza bati: Wena, Nkosi, ozaziyo intliziyo zabo bonke! bonakalisa abe mnye waba babini, lowo umnyulileyo, 25ukuba atabate isabiwo sobubukonzi nobupostile, ate u‐Jude wapambuka kubo, ukuba aye endaweni yake. 26Baza banika amaqashiso abo, lati iqashiso lawa pezu kwake u‐Matiya; waza wabalelelwa nabapostile abalishumi linamnye.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in