Izenzo zabapostile 6
6
1KWEZINTSUKU ke, bakuba bebesanda abadisipile, kwavuka ukuṙoṙa kwaba‐Girike ngakuma‐Hebere, ngokokuba abahlolokazi bakowabo bebelityalwa ekwabiweni kwemihla ngemihla. 2Baza abalishumi linababini babiza umhlambi wabadisipile, bati: Akufanelekile kuti, ukuba silishiye ilizwi likatixo, sikonze ezitafileni. 3Yitini ngoko, bazalwana! nifune kwa kuni amadoda abe sixe̔nxe anqi̔nelwayo kakuhle, azele ngumoya oyingcwele nabubulumko, esiya kuwamisela pezu kwalomcimbi. 4Kodwa tina somana ukuhlala ekutandazeni, nasebukonzini belizwi.
5Lati elozwi lakolisa wonke umhlambi: baza banyula u‐Stefane, indoda izele lukolo na ngumoya oyingcwele, no‐Filipi, no‐Pirokoro, no‐Nikanore, no‐Timone, no‐Paramena, no‐Nikolasi, ikolwa lobujuda lase‐Antiyoki; 6abati babamisa ebusweni babapostile: baza bakuba bebetandazile babeka izandla pezu kwabo.
7Labe ilizwi likatixo likula; laye lisandiswa inani labadisipile e‐Yerusaleme kakulu; nesihlwele esikulu sabaperisite sibe silulamela elukolweni.
8Kekaloku u‐Stefane, ezele lukolo nangamandla, ebesenza imimangaliso nemiqondiso emikulu pakati kwabantu. 9Kwaza kwesuka abatile babakuyo indlu yentlanganiso e‐kutiwa yeyaba‐Kulule?-?kiswa, neyaba‐Kirene, neyaba‐Aletsandriya, nababo bavela e‐Silisiya nase‐Asiya, bepikisana no‐Stefane. 10Baye bekohlwa ke ukumelana nobulumko nomoya abeteta ngawo. 11Bandula bancetezisa amadoda esiti: Simvile eteta amazwi okugxeka ngaku‐Mosesi nangakuye utixo. 12Kanjalo bavuselela abantu, nabadala, nababa̔li, bambaqa, bamqubula, bamr̔olela entlanganisweni yamapakati, 13bamisa amanqi̔na abuxoki esiti: Lomntu akapezi ukuteta amazwi okugxeka ngakuyo lendawo engcwele nangakuwo umteto; 14ngokuba simvile esiti: u‐Yesu lowo, um‐Nazarete, uya kuci̔ta indawo le, aguqule amasiko esasinikelwa wona ngu‐Mosesi. 15Baza bonke abebehleli entlanganisweni, bejongele kuye, babona ubuso bake njengokungati bubuso bengelosi.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 6: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: