Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 5
5
1Yitini ngoko nibe ngabalandeli bakatixo, njengabantwana abatandiweyo; 2nihambe elutandweni, njengokuba no‐Kristu wasitandayo tina, wazinikela ngenxa yetu, umnikelo nedini kutixo, abe livumba elimnandi.
3Kodwa umbulo, nako konke ukuncóla, nokubawa, makungake kukankanywe pakati kwenu, njengokuba kufanele abangcwele; 4kwa nobuṙeletyo, nokubidiza, nokucika, izinto ezingafanelekileyo; koko ngokukumbi makubeko ukubulela. 5Ngokuba oku ninokukwazi, ukuba akuko namnye owenza umbulo, umhlaumbi onco̔lileyo, umhlaumbi olibawa, elingumkonzi wezitixo, onalo ilifa ebukumkanini bake u‐Kristu notixo. 6Makungabiko mntu onikohlisayo ngamazwi angendawo: ngokuba ngenxa yezizinto umsindo katixo usiza pezu kwalo usapo lwokungeva. 7Ize ngoko ningabi ngamakolwane alo. 8Ngokuba benifudula nibumnyama, kodwa kaloku nikukukanya enkosini: hambani njengabantwana bokukanya, ( 9ngokuba isiqa̔mo somoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso,) 10nilinga ukuba yinto nina ekolekileyo kwinkosi. 11Ize ke ningabi nabudlelana nayo imisebenzi eputileyo yobumnyama, keniti kodwa ngokukumbi niyohlwaye. 12Ngokuba izinto ezenziwayo ngabo ngasese, kuyinto embi nokuziteta. 13Kodwa zonke ezizinto zakuba zisohlwayiwa, ziyabonakaliswa kuko ukukanya: ngokuba konke okubonakalisayo kukukukanya. 14Ngako oko uti: Vuka wena uleleyo! usuke kwabafileyo, waeya kuti u‐Kristu akukanyisele.
15Lumkani ngoko ukuba niti nina ukuhamba ngokuku̔tala, kungabi njengabangalumkileyo, kube njengabalumkileyo, 16nizitengela ituba nje, kuba imihla mibi. 17Ngenxa yoku ningabi zizidenge, nibe niqonda into iyiyo intando yenkosi. 18Kanjalo ninganxili yiveyine, okukoyo ngako ububedengu; niti nizaliswe ngomoya; 19niteta omnye nomnye ngamaculo, nangengoma zokudumisa, nangezivumo ezibumoya, nivuma nicula nokucula entliziyweni yenu kwinkosi, 20nibulela ngamaxesha onke ngenxa yazo zonke izinto kuye utixo noyise, egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, 21nilulamela omnye kwomnye ekwoyikeni utixo.
22Nina bafazi! lulamelani kwawenu amadoda, njengakuyo inkosi; 23ngokuba indoda iyintloko yomfazi wayo, njengokuba naye u‐Kristu eyintloko yeṙemente, ekwa nguye ongumsindisi womzimba. 24Kukona njengokuba yona iṙemente ilulamela ku‐Kristu, kwa njalo nabo abafazi mabalulamele kwawabo amadoda kuko konke.
25Nina madoda! tandani abenu abafazi, njengokuba naye u‐Kristu wayitanda iṙemente, wazinikela ngenxa yayo; 26ukuze ayenze ngcwele, eyihlanzile nje ngokuhlamba kwamanzi elizwini, 27ukuze ayimisele kwa kuye ibungcwalisa, yona iṙemente, ingenabala, ingenambimbi, ingenanye yezinto ezinjalo; koko ukuze ibe ngcwele, ibe msulwa. 28Ngokunjalo amadoda afanelwa kukutanda abawo abafazi, njengeyawo imizimba. Otandayo owake umfazi, uyazitanda yena. 29Ngokuba kungeko mntu owaka watiya eyake inyama; uti ayondle, ayonge, njengokuba nayo inkosi isenzela njalo iṙemente: 30kuba singamalungu omzimba wayo, kwinyama yayo, nakwamatambo ayo. 31Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, boti abo babini babe yinyama nye. 32Imfihlakalo le yenkulu; mna kodwa ndiyateta ndibeka kuye u‐Kristu nakuyo iṙemente. 33Noko ke nani abanye ngabanye, makati omnye nomnye enje njalo ukutanda owake umfazi njengokuba ezitanda yena; naye umfazi, makahlonele indoda yake.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 5: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: