YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 21

21
1Kekaloku zizo ezi izigwebo oya kuzibeka pambi kwabo.
2Nxa utengayo isicaka esingum‐Hebere, siya kukonza iminyaka ibe mitandatu; kodwa ngowesixe̔nxe sopuma sikululekile ngesisa. 3Ukuba seza ngesiqu saso, sopuma ngesiqu saso; ukuba besiyindoda enomfazi, uya kupuma umfazi waso kwa naso. 4Ukuba inkosi yaso isinikile umfazi, osizalele onyana, umhlaumbi intombi, umfazi lowo nabantwana bake boba ngabenkosi yake, sipume sona ngesiqu saso. 5Kodwa ukuba isicaka eso soqinisa ukuti: Ndiyatanda inkosi yam, nomfazi wam, nabantwana bam, andiyi kupuma ndikululekile; 6yoti inkosi yaso isisondeze kubagwebi; ibuye isisondeze naselucangweni, umhlaumbi emgubasini; ize inkosi yaso icumbuze indlebe yaso ngenyatyowa, sasiya kuyikonza kude kube ngunapakade.
7Naxeshekweni umntu atengisa ngayo intombi yake ibe sisicakakazi, asiyi kupuma sona njengokupuma kwezicaka ezingamadoda. 8Ukuba siba sibi emehlweni enkosi yaso, esixamele yona, iya kwandula isikululise: ayiyi kuba nagunya okusitengisa ebantwini basemzini, ngokuba isipete ngenkohliso. 9Nokuba isixamele unyana wayo, iya kusenzela njengesiko lentombi. 10Ukuba iyamtabatela omnye umfazi, ayiyi kuncipisa ukutya kwaso, nesivato saso, nebango laso lokutshata. 11Nokuba ayisenzeli ezizinto zontatu, siya kupuma ngesisa, kungeko imali.
12Obetayo umntu, ade afe, uya kufiswa ngenyaniso. 13Kanti lowo ongamlalelanga, koko utixo emyekelele esandleni sake, ndokumisela indawo apo aya kusabela kona. 14Kodwa xeshekweni umntu enza ngenkani ngakuye ummelwane wake, ukuba ambulale ngobuqinga, uya kumsusa esibingelweni sam, aze afe. 15Nobetayo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso.
16Kanjalo oba̔yo umntu, nokuba uyatengisa ngaye, nokuba uyafunyanwa esandleni sake, uya kufiswa ngenyaniso.
17Notukayo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso.
18Naxeshekweni amadoda apikisana, ize enye ibete enye ngelitye, umhlaumbi ngesandla esifunjatiweyo, iti ke yona ingafi, koko ilele pezu kwomandlalo: 19ukuba iyabuya ivuke, ihambe pandle ngomsimelelo wayo, ayiyi kuba natyala leyo eyayibetayo; kupela iya kuhlaulela ixesha lokupumla kwayo, yenze nokuba igqibele ukupoliswa.
20Nxa, kanjalo, umntu abeta isicaka sake, umhlaumbi isicakakazi sake, ngentonga, side sife ngapantsi kwesandla sake, kwopindezelwa ke ngenyaniso. 21Kodwa ukuba sisahlala umhla mnye, umhlaumbi imihla mibini, akuyi kupindezelwa; ngokuba siyimali yake sona.
22Xeshekweni amadoda angxolisana, asunduze umfazi omitiyo, size sipume isisu sake, koko kungeko kwenzakala, uya kuhlauliswa ngenyaniso owenje njalo, njengokuba iya kubeka pezu kwake indoda yalomfazi; uya kuhlaula pambi kwabagwebi. 23Kodwa ukuba kuko ukwenzakala, uya kwandul’ ukunika ubomi ngenxa yobomi, 24iliso ngenxa yeliso, izinyo ngenxa yezinyo, isandla ngenxa yesandla, unyawo ngenxa yonyawo, 25isitshiswa ngenxa yesitshiswa, inxeba ngenxa yenxeba, umvimbo ngenxa yomvimbo.
26Naxeshekweni umntu abeta iliso lesicaka sake, umhlaumbi iliso lesicakakazi sake, alitshabalalise, uya kusindulula sikululekile ngenxa yeliso laso. 27Kanjalo ukuba uyawisa izinyo lesicaka sake, umhlaumbi izinyo lesicakakazi sake, uya kusindulula sikululekile ngenxa yezinyo laso.
28Xeshekweni inkabi inqubayo indoda, umhlaumbi inkazana, ide ife, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye ngenyaniso, nenyama yayo ayiyi kudliwa; kanti umnini wenkabi akayi kuba natyala. 29Kodwa ukuba inkabi ibiyenqubayo ngexesha lapambili, nokuba kunqi̔nelwe umniniyo, kanti akayigcinanga noko, yaza yafisa indoda, umhlaumbi inkazana, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye, nomniniyo uya kufiswa naye. 30Ukuba ubekelwe intlaulo, uya kunikela inkululwa yobomi bake njengokubekiweyo pezu kwake. 31Nokuba inqubile unyana, nokuba inqubile intombi, kuya kwenziwa kuye njengalomgwebo. 32Ukuba inkabi iya kunquba isicaka, umhlaumbi isicakakazi, uya kunika inkosi yaso ishekele zesilivere zibe ngamashumi matatu, nenkabi iya kugityiselwa ngamatye.
33Kanjalo xeshekweni umntu aya kuvumbulula umnxuma, umhlaumbi xeshekweni umntu aya kumba umnxuma, kanti akawugubungeli, ize yeyele kona inkabi, umhlaumbi iqwaṙashe; 34umnini womnxuma uya kubuyekeza, anike imali kumniniyo; kanti into efileyo yoba yeyake.
35Naxeshekweni inkabi yomnye umntu ihlabayo inkabi yomnye, ide ife, baya kutengisa ngayo inkabi epilileyo, baqingatise imali yayo; nefileyo baya kuqingatisa yona nayo. 36Ukuba kodwa kuyaziwa ukuba lonkabi ibiyenqubayo ngexesha lapambili, nokuba umniniyo akayigcinanga noko, uya kubuyekeza inkabi ngenxa yenkabi; kanti efileyo yoba yeyake.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 21: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in