YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 23

23
1Akuyi kutabata iṙeto elibuxoki: isandla sako ungasibekani nokohlakeleyo ukuba linqi̔na lobudlwengu. 2Akuyi kulandela abaninzi ngokwenza okubi; kanjalo akuyi kuteta elupikisweni ngokupambukela emva kwabaninzi ukutyekisa ugwebo: 3nolihlwempu akuyi kumbuka elupikisweni lwake.
4Nxa ufumanana nenkabi yotshaba lwako, umhlaumbi neqwaṙashe lalo lilahleka, wolibuyisela kulo ngenyaniso. 5Nxa ulibona iqwaṙashe lokutiyayo lilele ngapantsi kwomtwalo walo, uya kulandula ukumkululela na? wokulula ngenyaniso kunye naye.
6Akuyi kutyekisa ibango lehlwempu lako elupikisweni lwalo. 7Kwelela kude emcimbini wobuxoki; kanjalo ongenatyala nolungileyo ungababulali: ngokuba ndingayi kugwebela okohlakeleyo. 8Nebaso akuyi kulamkela; ngokuba ibaso limfamekisa abanokubona, lijikise amazwi abalungileyo.
9Nowasemzini akuyi kumncinezela; ngokuba nina niwazi umpefumlo wowasemzini, ekokubeni nibe ningabasemzini ezweni le‐Jipete.
10Yiminyaka mitandatu uya kuhlwayela umhlaba wako, ubute ukuvelisa kwawo; 11kodwa ngowesixe̔nxe uya kuwupumza, uwuyeke; ukuba amahlwempu abantu bako adle, nokushiyiweyo ngawo zikudle izilo zasendle: uya kwenje njalo ngesitiya sako semiti yeveyine, nangesitiya sako seminquma.
12Yimihla mitandatu uya kwenza umsebenzi wako, kodwa ngomhla wesixe̔nxe uya kupumla; ukuba kupumle inkabi yako neqwaṙashe lako, nokuba ati pefu unyana wesicakakazi sako, nowasemzini.
13Ngako konke endikutshilo kuni zilumkeleni: negama lotixo bambi ningalikankanyi; malingaviwa emlonyeni wako.
14Ngamaxesha matatu uya kundenzela umtendeleko emnyakeni mnye. 15Umtendeleko wezonka ezingenagwele wowubamba: (wodla izonka ezingenagwele imihla ibe sixe̔nxe, njengokuba ndikuyalele, ngelimisiweyo ixesha lenyanga engu‐Abibe; ngokuba ngayo ubupuma e‐Jipete: kanjalo mabangabonakali pambi kwam bengenanto:) 16nomtendeleko wokuvuna, wolibo lwokwemisebenzi yako, oko ukuhlwayeleyo entsimini: nomtendeleko wokubuta, ngasekupeleni kwomnyaka, nxa ubutileyo okwemisebenzi yako entsimini. 17Kwoba ngamaxesha matatu emnyakeni mnye onke amadoda ako aya kubonakala ebusweni benkosi uyehova.
18Akuyi kunikela igazi lombingo wam ndawonye nesonka esibiliswayo; kanjako inqata lombinge womtendeleko wam aliyi kuhlala kude kuse.
19Isiqalo selibo zomhlaba wako uya kusingenisa endlwini kayehova, utixo wako.
Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
20BONA ke, ndituma ingelosi pambi kwako, ukuya kukugcina endleleni nokukuzisa kulondawo endiyilungisileyo. 21Lumkela yona, ulive ilizwi layo, ungayicapukisi; ngokuba ingayi kuxolela izigqito zenu; ngokuba igama lam likuyo. 22Kodwa ukuba uya kukutala ukuliva ilizwi layo, wenze konke endikutetayo, ndiya kwandula ndibe lutshaba ezintshabeni zako, nomalane kubalane bako. 23Ngokuba ingelosi yam iya kuhamba ebusweni bako, ikungenise kuba‐Amori, nama‐Hete, nama‐Perizi, naba‐Kanane, nama‐Hivi, nama‐Yebusi; ndandiya kubatshabalalisa. 24Musa ukutoba pambi kwotixo babo, ungabakonzi nokubakonza; kanjalo akuyi kwenza ngemisebenzi yabo: koko uya kubacita kanye, ugqibele ukuziqekeza izifanekiso zabo.
25Naniya kumkonza uyehova, utixo wenu, oya kutamsanqelisa isonka sako namanzi ako; ndandiya kususa isifo pakati kwenu. 26Akuyi kubako osisu sipumayo nodlolileyo ezweni lenu: inani lemihla yako ndolizalisa. 27Isoyikiso sam ndosituma pambi kwako, ndize ndipitizelise bonke abantu eniya kufika kubo; ndandiya kwenza zonke intshaba zako zikujikele umhlana. 28Kanjako ndiya kutuma onomeva pambi kwako, abaya kugxota ama‐Hivi, naba‐Kanane, nama‐Hete, kwa sebusweni bako. 29Andiyi kubagxota pambi kwako emnyakeni mnye, hleze ilizwe libe bugxwayiba, namaṙamncwa asendle andiswe ngakuwe. 30Ngento encinane nangento encinane ndiya kubagxota ebusweni bako, ude ucume, ulifuye ilizwe. 31Ndandiya kubeka imida yako kwa selwandle olubomvu kude kube selwandle lwama‐Filistiya, nasentlango kude kube kuwo umlambo: ngokuba abemi belozwe ndiya kubanikela esandleni sako, uze ubagxote ebusweni bako. 32Akuyi kwenza ucebano kunye nabo, nakunye notixo babo. 33Abayi kuhlala elizweni lako, hleze bakwenze wone kum: ukuba uyakonza otixo babo, kwoba ngumgibe kuwe ngenyaniso.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 23: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in