YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 25

25
1WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lunditabatele umnikelo: kubo bonke abantu abantliziyo zibaqu̔bayo, niya kuwamkela umnikelo wam. 3Nguwo lo umnikelo eniya kuwamkela kubo: igolide, nesilivere, nexina, 4nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, noboya bebokwe, 5nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, nemiti yeshitime; 6ioli, ibe yeyesikanyiso; izimnandi, zibe zezeoli yokutambisa, nezesiqumiso esimnandi; 7amatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka.
8Kanjalo mabandenzele indawo eyingcwele, ndize ndihlale pakati kwabo. 9Njengako konke ndikubonisa kona, njengawo umfanekiselo wetabanakele, nomfanekiselo wazo zonke impahla zayo, niya kuyenza kwa ngokunjalo.
10Babeya kuyenza ityeya ngemiti yeshitime: yoba zikubite zibe mbini nesiqingata sekubite ubude bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ububanzi bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo. 11Wauya kuyaleka ngegolide ecocekileyo, ngapakati nangapandle uya kuyaleka; uze wenze pezu kwayo isitsaba segolide ngento engqongayo. 12Woyityityishela yona imisesane yegolide ibe mine, uyibeke emagumbini ayo omane, ize ibeko imisesane mibini ngelinye icala layo, nemisesane ekwa mibini ngelinye icala layo. 13Wauya kuzenza izibonda ngemiti yeshitime, uzaleke ngegolide. 14Nezibonda ezo uya kuzingenisa kuyo imisesane esemacaleni etyeya, ize ityeya itwalwe ngazo. 15Zoba semisesaneni yetyeya ezozibonda; aziyi kususwa kuyo. 16Wauya kubeka etyeyeni isinqi̔no endiya kusinika kuwe.
17Kanjalo uya kusenza isihlalo sofefe ngegolide ecocekileyo: soba zikubite zibe mbini nesiqingata sekubite ubude baso, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ububanzi baso. 18Uya kuzenza nekerubime zibe mbini ngegolide; ngesetyenzwa elikandelweyo uya kuzenza, zipuma ezincameni zombini zesihlalo sofefe. 19Yenza ikerubime enye encameni yakweli icala, nekerubime enye encameni yakweliya icala; zipuma kuso isihlalo sofefe uya kuzenza ikerubime, ezincameni zaso zombini. 20Zoti ikerubime zitwabulule amapiko omabini ngapezulu, zisigubungela ngamapiko azo isihlalo sofefe; nobuso bazo obenye bobekana nobenye; boba ngakuso isihlalo sofefe ubuso bekerubime. 21Nesihlalo sofefe uya kusibeka pezulu pezu kwetyeya; nakuyo ityeya uya kubeka isinqi̔no endiya kusinika kuwe. 22Ndandiya kuhlangana nawe kona apo, nditete nawe ndipezu kwaso isihlalo sofefe, kwa pakati kwazo ikerubime zombini ezingapezu kwetyeya yesinqi̔no, ngako konke endokuyalezela kona elusatsheni luka‐Sirayeli.
23Kanjalo uya kuyenza itafile ngemiti yeshitime: yoba zikubite zibe mbini ubude bayo, nekubite ibe nye ububanzi bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo. 24Wauya kuyaleka ngegolide ecocekileyo; uze uyenzele isitsaba segolide ngento engqongayo. 25Uya kuyenzela nodini, lungangobubanzi besandla, ngento engqongayo; uze wenzele udini lwayo isitsaba segolide ngento engqongayo. 26Wauya kuyenzela yona imisesane yegolide ibe mine, uyibeke imisesane emagumbini omane asezinyaweni zayo zone. 27Yoba malungana nodini imisesane leyo, ibe zindawo zezibonda zokuba kutwalwe itafile. 28Izibonda ezo uya kuzenza ngemiti yeshitime, uzaleke ngegolide, ize itafile itwalwe ngazo. 29Wauya kwenza izikotile zayo, nezitya zayo, nebekile zayo, nendebe zayo, ekuya kugalelwa ngazo: uya kuzenza ngegolide ecocekileyo. 30Napezu kwetafile leyo uya kubeka izonka zokubonakala ebusweni bam ngamaxesha onke.
31Kanjalo uya kuyenza ikandelare ngegolide ecocekileyo: ngesetyenzwa elikandelweyo iya kwenziwa lekandelare; isikondo sayo, nexokama layo, indetyana zayo, izikandana zayo, nentyatyambo zayo, zoba zezakuyo. 32Imbaxa ezintandatu ziya kupuma emacaleni ayo; kwopuma imbaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo, nembaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo. 33Indetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba kwenye imbaxa, kwa nesikandana nentyatyambo; nendetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba nakwenye imbaxa, kwa nesikandana nentyatyambo; zoba kwa njalo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni. 34Nakuyo ikandelare kwobako indetyana ezine zifanisiwe nezamonde, kunye nezikandana zazo, nentyatyambo zazo. 35Kwobako esinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, nesinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, nesinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, njengazo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni. 36Izikandana zazo nembaxa zazo zoba zezakuyo: loba linye isetyenzwa elikandelweyo legolide ecocekileyo lipela. 37Wauya kuyenzela izibane zibe sixe̔nxe; zaziya kumiswa izibane zayo, zize zikanyise ngapambi kwayo. 38Izicimo zayo, nezipatelo zayo, zoba yigolide ecocekileyo. 39Iya kwenziwa yona ngetalente yegolide ecocekileyo, kunye nazo zonke ezimpahla. 40Uze ulumke ukuba uzenze ngomfanekiselo wazo, obuwuboniswa entabeni.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 25: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in