YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 29

29
1Yiyo lento uya kuyenza kubo ukubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite: Tabata inkunzana ibe nye elitole lenkomo, nenkunzi zegusha zibe mbini ezimsulwa, 2nesonka esingenagwele, nezonkana ezingenagwele zinyeliwe ngeoli, nezonkanyana ezingenagwele zitanjisiwe ngeoli: uya kuzenza ngomgubo ocolekileyo wenqolowa. 3Wauya kuzibeka esityeni sinye, uzisondeze zisesityeni, kwa nenkunzana yenkomo, nenkunzi zegusha zombini. 4Uze ubasondeze u‐Arone nonyana bake elucangweni lwentente yentlangano, ubahlambe ngamanzi. 5Wauya kutabata izivato, wambatise u‐Arone ihempe; nengubo yaseyefodini, neyefodi, nembeka; uze umbinqise umbinqo ocikiziweyo weyefodi. 6Kanjalo uya kubeka unkontsho entloko yake, nekrone engcwele uya kuyibeka pezu kwalo unkontsho. 7Wandule utabate ioli yokutambisa, uyigalele pezu kwentloko yake, umtambise.
8Nonyana bake uya kubasondeza, ubavatise ihempe. 9Uya kubabinqisa imibinqo, kwa u‐Arone nonyana bake, uyibope kubo iminqwazi; baze babe nabo ubuperisite ngommiselwa ongunapakade: wauya kuzalisa isandla sika‐Arone nesandla sonyana bake.
10Uze uyisondeze inkunzana ngapambi kwentente yentlangano; bati u‐Arone nonyana bake balalise izandla zabo pezu kwentloko yenkunzana. 11Wandule uyixe̔le inkunzana pambi kwoyehova, ngaselucangweni lwentente yentlangano. 12Uze ucapule egazini lenkunzana, ulibeke ezimpondweni zesibingelo ngomnwe wako; nalo lonke elinye igazi uya kuligalela ngasesekweni lesibingelo. 13Wauya kutabata lonke inqata eligubungela umbilini, nendawo ezizengezelayo pezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqata elipezu kwazo, uzitshise esibingelweni. 14Kodwa inyama yenkunzana, nesikumba sayo, nomswane wayo, uya kuzitshisa ngomlilo ngapandle kwomnquba: lidini lesono yona.
15Kanjalo uya kutabata enye inkunzi yegusha; boti ke u‐Arone nonyana bake balalise izandla zabo pezu kwentloko yenkunzi yegusha. 16Wandule uyixe̔le inkunzi yegusha, ulitabate igazi layo, ulisasaze pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 17Lenkunzi yegusha uya kuyicanda ezitweni zayo, uhlambe umbilini wayo, nentungo zayo, uzibeke pezu kwezito zayo napezu kwentloko yayo. 18Uze uyitshise inkunzi yegusha ipela pezu kwesibingelo: lidini lokutshiswa yona kuyehova; livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
19Wobuya uyitabate eyesibini inkunzi yegusha; boti ke u‐Arone nonyana bake balalise izandla zabo pezu kwentloko yenkunzi yegusha. 20Wandule uyixe̔le inkunzi yegusha, ucapule egazini layo, ulibeke pezu kwesitinzi seyokunene indlebe ka‐Arone, napezu kwesitinzi seyokunene indlebe yonyana bake, napezu kwesitupa sesokunene isandla sabo, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwabo, ulisasaze igazi pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 21Uze ucapule kulo igazi elipezu kwesibingelo, nakuyo ioli yokutambisa, uti fefe pezu kwo‐Arone, napezu kwezivato zake, napezu kwonyana bake, napezu kwezivato zonyana bake kunye naye; aze enzwe ngcwele yena, nezivato zake, nonyana bake, nezivato zonyana bake kunye naye. 22Wauya kutabata kuyo inkunzi yegusha inqata nomsila, nenqata eligubungela umbilini, nendawo ezizengezelayo zesibindi, nezintso zombini, nenqata elipezu kwazo, nowokunene umkono; ngokuba yona yinkunzi yegusha yedini lokuzalisa: 23kwa nesimba linye lesonka, nesonkana sinye sesonka esineoli, nesonkanyana sinye sivela esityeni sezonka ezingenagwele, esipambi kwoyehova: 24uze uzibeke zonke ezandleni zika‐Arone, nasezandleni zonyana bake; uti kanjalo uzishukushukumise zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova. 25Wandule uzitabate ezandleni zabo, uzitshise esibingelweni, pezu kwedini lokutshiswa, zibe livumba elimnandi pambi kwoyehova: ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 26Kanjalo uya kutabata isifuba senkunzi yegusha yedini lokuzalisa elilelika‐Arone, usishukushukumise sibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova: soba sisabelwa sako sona. 27Wauya kungcwalisa isifuba somnikelo wokushukushukunyiswa, nomkono womnikelo wokufunqufunqulwa, oko kushukushukunyiswayo, noko kufunqufunqulwayo, kwinkunzi yegusha yedini lokuzalisa, kwa kokukokuka‐Arone, nakokukokwonyana bake: 28kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake ngommiselwa ongunapakade, kuvela elusatsheni luka‐Sirayeli; ngokuba ngumnikelo wokufunqufunqulwa: woba ngumnikelo wokufunqufunqulwa uvela elusatsheni luka‐Sirayeli, kwimibingo yoxolo yalo, kwa ngumnikelo wokufunqufunqulwa walo kuyehova.
29Nengubo ezingcwele ezizezika‐Arone zona ziya kuba zezonyana bake emva kwake, ukuba kutanjiswe kuzo, nokuba kuzaliswe izandla zabo kuzo. 30Wozambata imihla ibe sixe̔nxe ongumperisite esikundleni sake konyana bake, lowo ongenayo ententeni yentlangano ukuya kukonza kweyingcwele indawo.
31Nenkunzi yegusha yedini lokuzalisa woyitabata, uyipeke inyama yayo endaweni eyingcwele. 32Boti ke u‐Arone nonyana bake badle inyama yenkunzi yegusha, nesonka esisesityeni, ngaselucangweni lwentente yentlangano. 33Babeya kuzidla ezozinto kube kuxoliswa ngazo, ukuba kuzaliswe izandla zabo, nokuba bangcwaliswe; kodwa owasemzini akayi kuzidla, ngokuba zingcwele. 34Kanjalo ukuba kuya kusala into yenyama yedini lokuzalisa, nento yesonka, kude kuse, uya kwandula usitshise isisalela ngomlilo; asiyi kudliwa, ngokuba singcwele.
35Uya kwenje njalo ke ku‐Arone, nakonyana bake, kwa njengoko ndikuyalele ngako: kwoba yimihla isixe̔nxe uya kuzalisa izandla zabo. 36Wauya kunikela imihla ngemihla inkunzana yedini lesono, ngenxa yokuxolisa; uya kusihlanza isibingelo ngokusixolisela kwako: wositambisa kanjalo, ukuba singcwaliswe. 37Kwoba yimihla isixe̔nxe uya kuxolisela isibingelo, usingcwalise; soba sisibingelo esingcwelekazi: konke okucukumisayo isibingelo kwoba kungcwele.
38Kuko oku uya kunikela ngako pezu kwaso isibingelo: imvana zomnyaka mnye zibe mbini, imihla ngemihla futi. 39Enye imvana woyinikela ngokusa; neyesibini imvana woyinikela pakati kwokuhlwa. 40Nakunye nenye imvana uya kunikela eseshumi isiqingata seyeja yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngeoli enqushelweyo esisiqingata sesine sehine, nomnikelo wokusela usisiqingata sesine sehine yeveyine. 41Neyesibini imvana woyinikela pakati kwokuhlwa; wauya kwenzela yona njengomnikelo wokudla wokusa, nanjengomnikelo wokusela wawo, libe livumba elimnandi, kwa umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 42Loba lelifuti idini lokutshiswa ngezizukulwana zenu, elucangweni lwentente yentlangano, pambi kwoyehova: apo ndiya kuhlangana nani kona, ukuba nditete kuni kona. 43Kwa lapo ndohlangana nosapo luka‐Sirayeli, ize yenziwe ngcwele ngobungcwalisa bam. 44Ndandiya kungcwalisa intente yentlangano, nesibingelo; kanjalo u‐Arone nonyana bake ndiya kubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite. 45Ndandiya kuhlala pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ndize ndibe ngutixo walo. 46Luya kwandula lukwazi okokuba ndi nguyehova, utixo walo, olukupileyo elizweni le‐Jipete, ukuba ndihlale pakati kwalo: mna ndi nguyehova, utixo walo.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 29: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in