YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 21

21
1WAYE uyehova wamkumbula u‐Sara njengokutsho kwake; kanjalo uyehova wenzela u‐Sara njengokuteta kwake. 2Wada wamita u‐Sara, wamzalela u‐Abrahame unyana ebudaleni bake, ngelimisiweyo ixesha abetetile ngalo kuye utixo. 3Waye u‐Abrahame wabiza igama lonyana wake obemzalelwe, lowo u‐Sara wamzalela yena, ngo‐Yisake. 4Waza u‐Abrahame walusa u‐Yisake unyana wake, eyimihla isibozo ubudala bake, njengokuba ebemyalele utixo. 5Wabe u‐Abrahame eyiminyaka ilikulu ubudala bake, akuzalelwa u‐Yisake unyana wake. 6Wayesiti u‐Sara: Utixo undenzele ukuhleka; bonke abevayo bohleka nam. 7Wabuya wati: Ngubanina obeya kutsho ku‐Abrahame ukuti: u‐Sara wanyisile abantwana? ngokuba ndizele unyana ebudaleni bake.
8Wakula umntwana, walunyulwa; waza u‐Abrahame wenza umtendeleko omkulu emhleni abelunyulwa ngawo u‐Yisake.
9Kekaloku u‐Sara wambona unyana ka‐Hagare um‐Jipetekazi, lowo wamzalela u‐Abrahame, ehleka. 10Wati ngoko ku‐Abrahame: Gxota elikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana welikobokakazi engayi kulidla ilifa kunye nonyana wam, kunye no‐Yisake. 11Kodwa lendawo ibimbi kakulu emehlweni ka‐Abrahame, ngenxa yonyana wake. 12Waza utixo wati ku‐Abrahame: Makungabi kubi emehlweni ako pezu kwomfana, napezu kwekobokakazi lako: konke akutshilo kuwe u‐Sara, lipulapule ilizwi lake ngako; ngokuba ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako. 13Kwa naye unyana wekobokakazi ndiya kumenza isizwe, ngokokuba eyinzalo yako. 14Waza wavuka u‐Abrahame kwa kusasa, watabata isonka, nentsuba yamanzi, wazinika ku‐Hagare, ezibeka egxalabeni lake; wamnika nomfana, wamndulula ke. Wasuka wemka, wabangazeka entlango yase‐Beresheba.
15Kwaza kwati, akuba epelile amanzi entsubeni, wamwisa umfana ngapantsi kwomnye wemitana. 16Waya yena wahlala pantsi elunge naye, kwamgama ongangokutolwa kwesipeta; ngokuba ebesiti: Mandingaboni ukufa kwomfana. Wahlala ke elunge naye, wapakamisa ilizwi lake, walila. 17Waye utixo weva ilizwi lomfana; yaza ingelosi katixo yabiza ku‐Hagare isezulwini, yati kuye: Unandawo nina, Hagare? ungoyiki; ngokuba utixo evile ilizwi lomfana apo akona. 18Suka, umfunqule umfana, umbambe ngesandla sako; ngokuba ndiya kumenza isizwe esikulu. 19Wandula utixo wavula amehlo ake, wada wabona iqula lamanzi; waza waya wazalisa intsuba ngamanzi, wamseza umfana. 20Waye utixo ebenaye umfana, owakulayo, wahlala entlango, waba ngumtoli. 21Wahlala entlango ye‐Parane; wati unina wamtabatela umfazi ezweni le‐Jipete.
22KWABEKUTE ngeloxesha ke, bateta u‐Abimeleki no‐Fikoli inkosi yempi yake ku‐Abrahame, besiti: Utixo unawe kuko konke ukwenzayo. 23Uze uti kaloku undifungele utixo apa, okokuba akuyi kundixokisa mna, kwa nonyana wam, nesalamane sam: njengobubele endenze ngabo kuwe, uya kwenza kwa ngabo kum, nakulo ilizwe upambukele kona. 24Wati u‐Abrahame: Ndiya kufunga. 25Koko u‐Abrahame wamohlwaya u‐Abimeleki ngenxa yequla lamanzi, ezazite izicaka zika‐Abimeleki zalipanga. 26Waza wati u‐Abimeleki: Bendingazi ungubanina owenzileyo lento: kanjako nawe akundixelelanga; andiyivanga nam kanjalo, kupela namhla nje. 27Waye u‐Abrahame watabata izimvu nenkabi, wazinikela u‐Abimeleki; baza balwenza ucebano bobabini. 28Kodwa u‐Abrahame wabeka zasixe̔nxe imvanakazi zasemhlambini zibe zodwa. 29Ngako u‐Abimeleki wati ku‐Abrahame: Ziti nina ezimvanakazi zosixe̔nxe uzibekileyo zodwa? 30Wayesiti: Okokuba ezimvanakazi zosixe̔nxe uya kuzamkela esandleni sam, ukuze zibe linqi̔na kum lokuba ndilimbile iqula eli. 31Ngako oko kwabizwa londawo ngokuti yi‐Beresheba#21:31 Oko kukuti: Liqula lesifungo.; ngokuba kulapo bebefunga bobabini. 32Benje njalo ke ukwenza ucebano e‐Beresheba. Wandula ukusuka u‐Abimeleki, no‐Fikoli inkosi yempi yake, babuyela ezweni lama‐Filistiya.
33Kekaloku u‐Abrahame watyala umti wetamariske e‐Beresheba, wabiza kona egameni likayehova, utixo ongunapakade. 34Waye u‐Abrahame wahlala njengowasemzini elizweni lama‐Filistiya imihla yamininzi.

Currently Selected:

I‐Genesise 21: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in