YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 24

24
1KEKALOKU u‐Abrahame ebemdala, ekolisile ukuba nemihla; waye uyehova ebemtamsanqele u‐Abrahame ngento zonke. 2Waza wati u‐Abrahame kwisicaka sake, kwesidala sendlu yake, esibe sipata pezu kwako konke abenako: Kaubeke isandla sako ngapantsi kwetanga lam; 3ndize ndikufungise uyehova, utixo wezulu, notixo womhlaba, okokuba akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna pakati kwabo: 4koko uya kuya elizweni lakowetu, nakuso isalamane sam, umtabatele unyana wam, u‐Yisake, umfazi.
5Sati isicaka kuye: Kungati inkazana ayiyi kuvuma ukundilandela ukuza kwelilizwe; kufanel’ ukuba ndibuyise na unyana wako aye kwelozwe wabupuma kulo?
6Wayesiti kuso u‐Abrahame: Lumka ke ukuba ungambuyiseli kona unyana wam. 7Uyehova, utixo wezulu, owandisusayo endlwini kabawo, nasezweni lesalamane sam, owateta nam, owandifungela nokundifungela ngokuti: Kwinzalo yako ndiya kunika elilizwe; kwa lowo uya kutuma ingelosi yake iye pambi kwako, uze umtabatele unyana wam umfazi kwa kona. 8Ukuba kodwa inkazana ayiyi kuvuma ukuba ikulandele, woba msulwa kuso esisifungiso sam; kupela ungabuyiseli kona unyana wam. 9Saza isicaka sabeka isandla saso ngapantsi kwalo itanga lika‐Abrahame inkosi yaso, safunga kuye pezu kwalomcimbi.
10Saya isicaka satabata inkamela zalishumi kuzo inkamela zenkosi yaso, semka ke; ngokuba yonke impahla yenkosi yaso ibisesandleni saso; sesuka semka ukuya e‐Mesopotami, esixekweni sika‐Nahore. 11Sada saziguqisa inkamela ngapandle kwesixeko, ngasequleni lamanzi, ngexesha lokuhlwa, ngexesha abakeleli bapuma ngalo.
12Saye sisiti: Yehova, Tixo wenkosi yam u‐Abrahame! wanga ungandifumanisa kwa namhla, wenzele inkosi yam u‐Abrahame ububele. 13Nanku mna ndimi ngasequleni lamanzi, nentombi zamadoda asesixekweni zipuma ukuka amanzi: 14makekuti, intombi endiya kuti kuyo: Kautobe umpanda wako, ndisele; ize iti: Sela, nenkamela zako ndiya kuziseza nazo; maibe yiyo uyabeleyo isicaka sako u‐Yisake; sendiya kukwazi ngako ukuba wenzele inkosi yam ububele.
15Kwaye kute, singekagqibi ukuteta, nankuya u‐Rebeka selepumile, (obezelwe ku‐Betuweli, unyana ka‐Mileka, umfazi ka‐Nahore, umkuluwe ka‐Abrahame,) enompanda wake pezu kwegxalaba lake. 16Kekaloku intombi leyo, ukubonakala kwayo, ibintle kakulu, iyintombi ipela, kungeko ndoda ebiyazile, yaza yehlela equleni, yazalisa umpanda wayo, yabuya yenyuka. 17Sasuka isicaka sabaleka ukuya kuyikaulela, sati: Makendisele intwana yamanzi empandeni wako. 18Yaisiti: Sela, nkosi yam! yandul’ ukunxama, yahlisa umpanda wayo pezu kwesandla sayo, yasiseza ke. 19Kanjalo yakuba igqibile ukusiseza, yati: Ndiya kukela inkamela zako nazo, zide zigqibe ukusela. 20Yanxama ke, yagalela umpanda wayo emkombeni wokuseza, yabuya yabaleka yaya equleni ukuka amanzi, yada yakela zonke inkamela zaso. 21Yaza indoda leyo yayitela nqa isiti cwaka, ukunga ingaqonda ukuba uyehova utamsanqelekisile indlela yayo kusinina.
22Kwabekute, xeshekweni inkamela zigqibile ukusela, yandula londoda yatabata umsesane wempumlo wegolide, olingana nesiqingata seshekele ukuba nzima kwawo, nezacolo zizibini zibe pezu kwezandla zayo, ezilingana neshekele zilishumi zegolide ukuba nzima kwazo; 23yati: Uyintombi kabanina wena? ndixelele ke: iko na endlwini kayihlo indawo ukuba silalise kona? 24Yaisiti kuyo: Ndiyintombi ka‐Betuweli, unyana ka‐Mileka, lowo wamzalela u‐Nahore. 25Yalekela yati kuyo: Kuko nenca nokutya okuninzi kuti, kwa nendawo yokulalisa. 26Yaza londoda yatoba ngapantsi, yambedesha uyehova; 27yati: Makabongwe uyehova, utixo wenkosi yam u‐Abrahame, ongashiyanga ububele bake nenyaniso yake ukuba zingabi nayo inkosi yam; mna ke, ndisendleleni nje, undikapile uyehova ukuza endlwini yabazalwana benkosi yam.
28Yasuka yabaleka intombi leyo, yashumayela endlwini yonina ezizinto. 29Wayenomkuluwe u‐Rebeka, ogama lingu‐Labane; waza wabaleka u‐Labane lowo, waya endodeni ngapandle, kwa semtonjeni. 30Kwaza kwati, nxa abonile umsesane wempumlo, nezacolo pezu kwezandla zodade wake, nanxa avile amazwi ka‐Rebeka udade wake, esiti: Kunjalo indoda yateta kum; wandula weza endodeni, eyati, bona ke, yema ngasezinkameleni, ngasemtonjeni. 31Wayesiti: Ngena, wena utanyusanqelweyo nguyehova! kunganina ukuba ume ngapandle? ngokuba ndise ndilungisile indlu, kwa nendawo yenkamela. 32Yandula yangena indoda leyo endlwini: waza wakulula inkamela zayo, wanika inca nokutya kwenkamela, namanzi okuhlamba inyawo zayo, nenyawo zamadoda abenayo. 33Kwaza kwabekwa pambi kwayo into yokudla; kuloko yati: Andiyi kutya, ndingekateti ilizwi lam. Wayesiti: Teta.
34Yaza yati: Ndisisicaka sika‐Abrahame mna. 35Kekaloku uyehova uyitamsanqele inkosi yam kakulu, ide yaba nkulu yona; uyinikile izimvu, nenkomo, nesilivere, negolide, nezicaka, nezicakakazi, nenkamela, namaqwaṙashe. 36Kanjalo u‐Sara, umfazi wenkosi yam, wazalela inkosi yam unyana emveni kwokwalupala kwake; lowo imnikile konke inako. 37Yada yandifungisa inkosi yam, isiti: Akuyi kumtabatela unyana wam umfazi ezintombini zaba‐Kanane, endihleli mna elizweni labo; 38koko uya kuya endlwini kabawo nasesalamaneni sam, umtabatele unyana wam umfazi. 39Ndaza ndati enkosini yam: Kungati ayiyi kundilandela inkazana leyo. 40Yandul’ ukuti kum: Uyehova, endihambile ebusweni bake, wotuma ingelosi yake ukuya nawe, atamsanqelekise indlela yako; wauya kumtabatela unyana wam umfazi esalamaneni sam nasendlwini kabawo. 41Oko uya kuba msulwa kuso isifungiso sam, nxa uzayo kwisalamane sam; nokuba abaniki kuwe, woba msulwa kuso isifungiso sam. 42Kendeza namhla emtonjeni, ndati: Yehova, Tixo wenkosi yam u‐Abrahame! ukuba kaloku uya kutamsanqelekisa indlela yam endihamba ngayo; 43nanku mna ndimi ngasemtonjeni wamanzi; makekuti, intombi eya kupuma ukuka amanzi, ndize nditi kuyo: Kaundipe intwana yamanzi empandeni wako, ndisele; 44yandule iti kum: Sela wena, nenkamela zako ndozikela nazo; maibe yiyo engumfazi amabeleyo unyana wenkosi yam uyehova. 45Kekaloku ndingekagqibi ukuteta entliziyweni yam, nankuya u‐Rebeka selepumile enompanda wake pezu kwegxalaba lake; waya wehlela emtonjeni, waka amanzi; ndaza ndati kuye: Kaundipe ndisele. 46Wasuka wanxama, wahlisa umpanda wake kuye, wati: Sela, nenkamela zako ndiya kuziseza nazo; ndada ndasela, nenkamela waziseza nazo. 47Ndaza ndambuza, ndati: Uyintombi kabanina wena? Wayesiti: Ndiyintombi ka‐Betuweli, unyana ka‐Nahore, lowo u‐Mileka wamzalela yena. Ndaza ndafaka umsesane wempumlo empumlweni yake, nezacolo ezandleni zake. 48Ndaye nditoba ngapantsi, ndambedesha uyehova, ndambonga uyehova, utixo wenkosi yam u‐Abrahame, obendikapile ngendlela elungileyo ukuza kumtabatela unyana wake intombi yomkuluwe wenkosi yam. 49Ize niti ngoku, ukuba niya kwenzela inkosi yam ububele nenyaniso, nindixelele; nokuba aniyi kwenje njalo, ndixeleleni noko, ndize ndibeke ngasekunene, umhlaumbi ngasekohlo.
50Baza bapendula u‐Labane no‐Betuweli, bati: Ivela kuyehova indawo le; sikohliwe kukuteta kuwe okukohlakeleyo nokulungileyo. 51Nanku u‐Rebeka esebusweni bako; mtabate, uhambe; makabe ngumfazi wonyana wenkosi yako, njengoko akutetileyo uyehova. 52Kwaye kute, sakuva isicaka sika‐Abrahame amazwi abo, sandu ukuziqubuda ngasemhlabeni pambi kwoyehova. 53Saza isicaka sar̔ola impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato, sazinika ku‐Rebeka; nezinto ezinqabileyo sazinika kumkuluwe wake nakunina.
54Baza batya basela nokusela, kwa yena namadoda abenaye, balalisa kona; kwasa bavuka, wati yena: Ndindululeni ndiye enkosini yam. 55Wayesiti umkuluwe wake, nonina: Maihlale intombi nati ibe yimihla etile, umhlaumbi ibe lishumi; yoti kamva ihambe. 56Wayesiti kubo: Ningandibambezeli, uyehova eyitamsanqelekisile nje indlela yam; nindindulule ndize ndiye enkosini yam. 57Bati bona: Siya kubiza intombi, sibuze umlomo wayo. 58Bandul’ ukubiza u‐Rebeka, bati kuye: Uya kuhamba na nalendoda? wati: Ndiya kuhamba. 59Baza bandulula u‐Rebeka udade wabo, nomondlikazi wake, nesicaka sika‐Abrahame, namadoda aso. 60Baye bemtamsanqela u‐Rebeka, bati kuye: Ungudade wetu wena; maube ngunina wamawaka amawakawaka, nenzalo yako maifuye isango labatiyi bayo!
61Wesuka u‐Rebeka nomtinjana wake, bakwela ezinkameleni, bayilandela indoda; sati isicaka samtabata u‐Rebeka, semka ke. 62Kekaloku u‐Yisake weza ngendlela evela equleni le‐Lahai‐roi; ngokuba ebemi elizweni lasesuyide. 63Waye u‐Yisake epumile ukuya kutandaza endle kwakusondela ukuhlwa; waza wapakamisa amehlo ake, wakangela, kekaloku nanziya inkamela zisiza. 64Kanjalo no‐Rebeka wapakamisa amehlo ake, owati, akumbona u‐Yisake, wahlika kuyo inkamela. 65Wayesiti kwisicaka: Ngubanina londoda ihambayo endle ukuza kusikaulela? Sati isicaka: Yinkosi yam lo. Waza watabata isigqubutelo, wazinameka. 66Sandula isicaka sambalisela u‐Yisake zonke izinto esibe sizenzile. 67Wati u‐Yisake wamsa ententeni ka‐Sara unina; waza wamzeka u‐Rebeka, waye yena waba ngumfazi wake; wamtanda kanjalo. Wada watutuzeleka u‐Yisake emveni kwokufa kwonina.

Currently Selected:

I‐Genesise 24: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in