YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 39

39
1KEKALOKU u‐Josefe wabehliselwe e‐Jipete; waza u‐Potifare, umbusi ka‐Faro, inkosi yomlisela, indoda engum‐Jipete, wamtenga esandleni sama‐Shimayeli, abemhlisele kona. 2Waza uyehova wanaye u‐Josefe, wada waba yindoda enokutamsanqeleka; waye esendlwini yenkosi yake, yom‐Jipete. 3Yabona inkosi yake ukuba uyehova unaye, nokuba konke akwenzayo, uyehova uyatamsanqelekisa kona esandleni sake. 4Wandula u‐Josefe wafumana ufefe emehlweni ayo, wayikonza: kanjako yamongamisa pezu kwendlu yayo, nako konke ibinako yakunikela esandleni sake. 5Kwaza kwati kuseloko yabimongamisa pezu kwendlu yayo, napezu kwako konke inako, watamsanqela uyehova indlu yom‐Jipete ngenxa yake u‐Josefe; lide labako itamsanqeliso likayehova pezu kwako konke inako, endlwini nasendle. 6Yabishiya konke inako esandleni sika‐Josefe; yayingayazi nanto ebikuye, kupela isonka eyasityayo. Kekaloku u‐Josefe ubemhle isimilo sake, wamhle nokubonakala kwake.
7Kwaye kute emveni kwezizinto, umfazi wenkosi yake wajolisa amehlo ake ngaku‐Josefe; wati: Uz’ undilale! 8Koko walayo, wati emfazini wenkosi yake: Bona ke, inkosi yam ayikwazi oko kukum endlwini; nako konke inako ikunikele esandleni sam. 9Akuko mntu kulendlu omkulu kum; yayingabambanga nto kum, kupela wena, ngokokuba ungumfazi wayo; ndingati nina ke ukwenza obububi bukulu, ndone ngakuye utixo? 10Kwaye kute, akuteta no‐Josefe imihla ngemihla, akampulapulanga noko ukuba alale ngakuye, nokuba abe ndawonye naye.
11Kwada kwati ngomhla otile, wangena u‐Josefe endlwini ukuze awenze umsebenzi wake; kwaye kungeko kona endlwini nanye emadodeni endlu. 12Waza wambamba ngengubo yake, esiti: Uz’ undilale! Koko washiya ingubo yake esandleni sake, wabaleka, wapuma ngapandle. 13Kwaza kwati, akubona ukuba ushiyile ingubo yake esandleni sake, nokuba ubalekele pandle, 14wabiza amadoda endlu yake, watsho kuwo esiti: Bonani ke, inkosi ingenisile kuti indoda engum‐Hebere, ukuba idlale ngati; yangena kum ukuza kulala nam, ndaza ndakala ngelizwi elikulu: 15kwaza kwati, yakuva ukuba ndipakamisile ilizwi lam, ndakala, yaselishiya ingubo yayo ngakum, yabaleka, yapuma ngapandle. 16Waye ingubo yayo wayibekela ngakuye, ide yafika inkosi yayo ekaya. 17Wandula wateta nayo kwa njengalamazwi, esiti: Sangena kum isicaka esingum‐Hebere, eso wabusizisa kuti, ukuza kudlala ngam: 18kwaza kwati, ndakupakamisa ilizwi lam, ndakala, sasesishiya ingubo yaso ngakum, sabalekela pandle. 19Kwaye kute, nxa ibivile inkosi yaso amazwi omfazi wayo, lawo wawateta kuyo, esiti: Kunjengalamazwi senzile kum isicaka sako; wandu ukuvuta umsindo wayo. 20Yaza inkosi ka‐Josefe yamtabata, yamfaka entolongweni, endaweni ababanjwa bokumkani babebanjelwe kuyo: wayekona ke entolongweni apo.
21Kuloko uyehova ebenaye u‐Josefe, wamjikisela ububele, wamnika ufefe emehlweni ake umpati wentolongo. 22Waza umpati wentolongo wanikela esandleni sika‐Josefe bonke ababanjwa ababesentolongweni: nako konke babekwenza kona, kwakusenzwa nguye. 23Umpati wentolongo ebengakangeli nanye into epantsi kwesandla sake, ngenxa yokuba uyehova ebenaye; nako konke abekwenza, uyehova wakutamsanqelekisa.

Currently Selected:

I‐Genesise 39: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in