YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 46

46
1WAYE u‐Sirayeli wafuduka nako konke abenako, weza e‐Beresheba, wabingelela imibingelelo kuye utixo woyise u‐Yisake. 2Waza wateta utixo ku‐Sirayeli emibonisweni yobusuku, wati: Yakobi, Yakobi! Wati yena: Nanku, ndilapa. 3Wayesiti: Mna ndi ngutixo, utixo woyihlo wako; ungoyiki ukuya kuhlela e‐Jipete; ngokuba isizwe esikulu ndiya kusenza ngawe apo. 4Ndiya kuhla nawe ukuya e‐Jipete; ndobuya ndikunyuse ngenyaniso: woti u‐Josefe abeke isandla sake pezu kwamehlo ako. 5Wandula u‐Yakobi wesuka e‐Beresheba; baza onyana baka‐Sirayeli bamtwala u‐Yakobi uyise wabo, nabantwana babo, nabafazi babo, ezinqwelweni abezitumile u‐Faro ukuza kumtwala. 6Batabata inkomo zabo, nempahla yabo ababeyiqwebile elizweni le‐Kanane, beza e‐Jipete, u‐Yakobi nayo yonke inzalo yake kunye naye: 7onyana bake, nonyana bonyana bake kunye naye; intombi zake, nentombi zonyana bake; nayo yonke inzalo yake wayizisa naye e‐Jipete.
8Kekaloku ngawo la amagama onyana baka‐Sirayeli, abezayo e‐Jipete: u‐Yakobi nonyana bake. Owamazibulo ka‐Yakobi, ngu‐Rubene. 9Nonyana baka‐Rubene; ngu‐Hanoki, no‐Palu, no‐Hetserone, no‐Kami. 10Nonyana baka‐Simone; ngu‐Jemuweli, no‐Yamine, no‐Ohadi, no‐Yakine, no‐Tsohare, no‐Saule unyana wom‐Kananekazi. 11Nonyana baka‐Levi; ngu‐Gereshone, no‐Kohati, no‐Merari. 12Nonyana baka‐Juda; ngu‐Here, no‐Onane, no‐Shela, no‐Faretse, no‐Zera; kodwa babuba u‐Here no‐Onane elizweni le‐Kanane: nonyana baka‐Faretse bebengu‐Hetserone no‐Hamule. 13Nonyana baka‐Yisakare; ngu‐Tola, no‐Puwa, no‐Jobi, no‐Shimrone. 14Nonyana baka‐Zebulone; ngu‐Serede, no‐Eloni, no‐Yaheleli. 15Aba bangonyana baka‐Leya, abebazala ku‐Yakobi e‐Padane‐arame, kwa no‐Dina intombi yake: yonke imipefumlo yonyana bake neyentombi zake ibingamashumi matatu anesitatu.
16Nonyana baka‐Gadi; ngu‐Tsifiyone, no‐Hagi, no‐Shuni, no‐Tseboni, no‐Heri, no‐Arodi, no‐Areli. 17Nonyana baka‐Ashere; ngu‐Yimna, no‐Yisheva, no‐Yishevi, no‐Beriha, no‐Sera udade wabo: nonyana baka‐Beriha; ngu‐Kebere no‐Makiyeli. 18Aba bangonyana baka‐Zilipa, lowo u‐Labane wamnikayo ku‐Leya intombi yake; aba ke wabazala ku‐Yakobi, beyimipefumlo elishumi linesitandatu.
19Nonyana baka‐Rakele umfazi ka‐Yakobi; ngu‐Josefe no‐Benjamine. 20Kwaye kuzalwa ku‐Josefe elizweni le‐Jipete u‐Manase no‐Frayime, abete u‐Asenate, intombi ka‐Potifera, umperisite we‐One, wamzalela bona. 21Nonyana baka‐Benjamine; ngu‐Bela, no‐Bekere, no‐Ashebele, no‐Gera, no‐Nahamane, no‐Eki, no‐Roshe, no‐Mupime, no‐Hupime, no‐Aredi. 22Aba bangonyana baka‐Rakele, ababemzalelwa u‐Yakobi; yonke imipefumlo ibilishumi elinesine.
23Nonyana baka‐Dane; ngu‐Hushime. 24Nonyana baka‐Nefatali; ngu‐Yatsiyeli, no‐Guni, no‐Yetsere, no‐Shileme. 25Aba bangonyana baka‐Bileha, lowo u‐Labane wamnikayo ku‐Rakele intombi yake; aba ke wabazala ku‐Yakobi: yonke imipefumlo ibisixe̔nxe.
26Yonke imipefumlo ebisiza no‐Yakobi e‐Jipete, eyabipumile esinqeni sake, ngapandle kwabo abafazi bonyana baka‐Yakobi, yonke imipefumlo ibingamashumi matandatu anesitandatu; 27nonyana baka‐Josefe, ababezalwa kuye e‐Jipete, bebeyimipefumlo mibini: yonke imipefumlo yendlu ka‐Yakobi, ebisiza e‐Jipete, ibingamashumi asixe̔nxe.
28WAZA wamsusa u‐Juda andulele kuye ukuya ku‐Josefe, ukuze abalatise ubuso bake ngase‐Goshene; bada bafika ezweni le‐Goshene. 29Waye u‐Josefe wabopa inqwelo yake, wenyuka ukuya kumkaulela u‐Sirayeli uyise e‐Goshene, wazibonakalisa kuye, wamwela intamo, walila entanyeni yake kwa kade. 30Waza u‐Sirayeli wati ku‐Josefe: Makendibube kaloku, sendibubonile nje ubuso bako, ukuba usahleli. 31Wandula wati u‐Josefe kubakuluwe bake, nakwabendlu kayise: Ndonyuka ndiye kushumayela ku‐Faro, nditi kuye: Abakuluwe bam, nabendlu kabawo, ababesezweni le‐Kanane, bafikile kum; 32kekaloku amadoda lawo angabalusi begusha, ngokuba engabafuyi benkomo; kanjalo azisile igusha zawo, nenkomo zawo, nako konke anako. 33Kwakuya kuti, xeshekweni aya kunibiza u‐Faro, ati: Yinto nina umsebenzi wenu? 34nandule ukuti: Izicaka zako zingabafuyi benkomo kwa sebutsheni betu kwada kwakaloku, kwa tina nobawo betu nabo: ukuze nibe nokuhlala elizweni le‐Goshene; ngokuba beyintshontsho kuma‐Jipete bonke abalusi begusha.

Currently Selected:

I‐Genesise 46: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in